MABATI abo basukuba bengamakonza ngapantsi kweyokwe babalele abazo inkosi ukuba zifanele imbeko yonke, ukuze kungagxekwa igama LIKATIXO nofundiso lwake. Kanjako abo banazo inkosi ezikolwayo, mabangazideli, kuba zingabazalwana; koko mabati ngakumbi bazikonze, kuba bengamakolwa nabatandwa abo balwamkelayo uncedo lwesenzelelo sabo. Uti ezizinto uzifundise uziyale.
Ukuba kuko umntu ongumfundisi wofundiso olulumbi, oti kanjako angavumeli amazwi anobomi, a WENKOSI yetu u‐Yesu Kristu, nofundiso oluyelelana nobubedesho, ukukumele lir̔atshi, engazi luto kakulu noko, koko egeza ngemibuzo nezipikisano ngamazwi, okuvela kuzo umona, ipike, ingxeko, iziṙano ezikohlakeleyo, ingxolisano ezigwenxa zabantu abaluvo lwonakeleyo, abalahlekene nenyaniso kanjalo, beba ububedesho buyinzuzo. Gwegweda kubo abanjalo.
Kodwa ububedesho ndawonye nokutomalala buyinzuzo enkulu. Ngokuba singangenanga nanto elizweni; kusekuhleni ukuba kanjako asingepume nanto. Kodwa sakuba sinezinto zokutya nezokwambata, masitomalale zizo ezi. Kodwa abo banga bangaba zizityebi bayeyela ekulingweni, nasemgibeni, nasezinkanukweni ezininzi ezibudenge ezenzakalisayo, eziti ke zona zibantywilise abantu embujisweni nasentshabalalweni. Ngokuba ukutanda imali kuyingcambo yabo bonke ububi; abate inxenye beyinqwenela balahleka kulo ukolo, bazibadluza ngentsizi ezininzi.
Wena kodwa, ndoda KATIXO! baleka ezizinto; uze uputume ubulungisa, ububedesho, ukolo, utando, umonde, ululamo. Yilwa ukulwa okulungileyo kwokolo; bubambe ubomi obungunapakade, owabubizelwa kubo kanjalo, wayivuma imvumo elungileyo pambi kwamanqi̔na amaninzi. Ndiyakuyala ebusweni BUKATIXO ozipilisayo izinto zonke, nasebusweni buka‐Kristu Yesu, owayinqi̔nayo pambi kwo‐Pontiyusi Pilati imvumo elungileyo, ukuba uwugcine umyalelo ube ungenabala, ungenakukalazelwa, kude kubeko ukubonakala KWENKOSI yetu u‐Yesu Kristu; aya kubonakalisa kona kwawake amaxesha, lowo ungosikelelweyo nongokupela KWOSOMANDLA, onguye UKUMKANI kakumkani NENKOSI kankosi; ongokupela kwonokungafi, ehleli ekukanyeni okungenakusondelwa, ekungeko namnye umntu owambonayo, ekungeko ongambonayo kanjako: okuye makubeko udumo namandla angunapakade. Amene.
Abazityebi kwelilizwe lakaloku nje bayalele ukuba bangaqanqalazi, bangatembi ebutyebini obungenakuqina kanjako, bati batembe KUTIXO ohleliyo, osinikayo ngobuninzi zonke izinto kudliwe ukuyola ngazo; ukuba benze ngobubele, batyebe emisebenzini elungileyo, banxamele ukwahlulahlula, batande ukwabela; beziqwebela umsekelo olungileyo bekangela ixesha elizayo, ukuze babambe ubomi obungunapakade.
Wa Timote! gcina oko kubekelweyo kuwe, ukupepa nje ukubadaza okungengcwele nokuca̔sa kwokwazi okubizwa njalo ngobuxoki; abate inxenye bexela ukuba banako baposisa ngalo ukolo. Ufefe malube nawe. Amene.