Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi ku‐Timote 4
4
1KODWA umoya utsho kwa sekuhleni ukuti, kuya kupambuka inxenye emaxesheni asemva elukolweni, benyamekela omoya abalahlekisayo, nemfundiso zedemoni, 2ngobuhanahaniso babatet’ ubuxoki, abanesabo isazeliso sitshiselwe, 3besalela ukuba kutshatwe, bexela ukuba kuzilwe izinto zokudla, ate utixo wazidalela abo bakolwayo nabayaziyo inyaniso ukuba batabate kuzo ngombulelo. 4Kuba zonke izidalwa zikatixo zilungile, kungeko nto kanjalo efanel’ ukulahlwa, ukuba iyamkelwa ngombulelo; 5ngokuba isenzwa ngcwele ngalo ilizwi likatixo notaṙuziso.
6Ukuba ezizinto uyazibeka pambi kwabo abazalwana, uya kuba ngumkonzi olungileyo ka‐Yesu Kristu, usondlelwa emazwini okolo, nawolofundiso olungileyo ululandeleyo. 7Kodwa intsomi ezingengcwele ezibuxegokaziṙa zale; uz’ uti ke wena uziqelisele ububedesho. 8Ngokuba ukuqeliswa kwomzimba kunceda ngokuncinane; kodwa ububedesho bunceda ngenxa zonke, ekubeni bunaso isitembiso sobubomi bakaloku nje, nesobo buza kubako. 9Linyanisekile elilizwi, lifanele konke ukwamkelwa kanjako. 10Ngokuba kona oku sikusebenzela sikutukelwa nokukutukelwa, kuba sitembile kutixo ohleliyo, ongumsindisi wabo bonke abantu, engulowo kakulu ke wamakolwa.
11Yalelani ngezizinto uzifundise. 12Makungabiko mntu obudela ubutsha bako, uti ube ngumzekelo kuwo amakolwa, ekuteteni, ekumileni, elutandweni, emoyeni, enkolweni, ebucocweni. 13Yiti, ndide ndifike, uzibekisele ukulesesha, ukuyala, ukufundisa. 14Uze ungabi ungakataleli isipiwo esikuwe, owabunikwa sona ngabo ubuprofitesho ndawonye nokubekwa kwezandla zentlanganiso zabadala. 15Cingela ezizinto; hlala ukuzo; ukuze ukuhanjiswa kwako kube kubonakala kubo bonke. 16Zigqale wena nokufundisa kwako; uman’ ukuma kuzo: ngokuba oku ukwenza nje, uya kuti nawe uzisindise nabo abakuvayo.
Currently Selected:
Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi ku‐Timote 4: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.