Eyokuqala ka‐Samyali 30
30
1KWAYE kute, akufika u‐Davide namadoda ake e‐Tsikilage ngomhla wesitatu, kekaloku ama‐Amaleki ebegalelekile pezu kwesuyide, napezu kwe‐Tsikilage, abeta i‐Tsikilage, ayitshisa ngomlilo; 2nabafazi abebekuyo ebebatimbile, engabulalanga nje namnye umntu kodwa, kwa nomncinane nomkulu; koko abebafudusile, ahamba ngendlela yawo. 3Kwa njalo akufika u‐Davide namadoda ake esixekweni, nasi sitshisiwe ngomlilo; nabafazi babo, nonyana babo, nentombi zabo, bona bebetinjiwe. 4Bandula u‐Davide nabantu abanaye bapakamisa ilizwi labo, balila, kwada akwabi sabiko kubo amandla okulila. 5Baye betinjiwe abafazi baka‐Davide bobabini, u‐Ahinohame um‐Yezerelekazi, no‐Abigali umfazi ka‐Nabali um‐Karamele. 6Waye u‐Davide waxinezeka kakulu; ngokuba abantu bebeteta ngokumgibisela ngamatye, ngokuba umpefumlo wabantu bonke ubunobuṙaṙa, abanye ngabanye pezu kwonyana babo, napezu kwentombi zabo; kodwa u‐Davide wazomeleza kuye uyehova, utixo wake.
7Waza u‐Davide wati ku‐Abiyatare umperisite, unyana ka‐Ahimeleki: Kausondeze kum iyefodi. Wayisondeza u‐Abiyatare iyefodi ku‐Davide. 8Wandula u‐Davide wabuza kuyehova ngokuti: Ndiya kuputuma elibandla na? ndiya kulifumana na? Wayesiti kuye: Putuma; ngokuba uya kufumana ngenyaniso, uya kugqibela ukuhlangula kanjako. 9Wasuka wahamba u‐Davide, yena namadoda angamakulu matandatu abenaye, baza kufika emlanjaneni we‐Besore, apo abo basalayo bahlala kona. 10Kodwa u‐Davide waputuma, yena namadoda angamakulu mane: ngokuba bekuhlala amadoda angamakulu mabini, abecubukile kangaka, ukuba ebengenako ukuwela umlanjana we‐Besore.
11Baza bafumana indoda engum‐Jipete ezindle, bayizisa ku‐Davide; bayinika isonka, yada yatya; bayiseza amanzi; 12bayinika kanjalo iqezu lesimba lamakiwane, nezipa zibini zedreyive ezishwenyileyo: yati yakuba idlile, umoya wayo wabuya weza kuyo; ngokuba isonka ibingasityanga, namanzi ibingawaselanga, imini zantatu nobusuku butatu. 13Waza u‐Davide wati kuyo: Ungokabanina? uvela pina? Yayisiti: Ndiyindodana yase‐Jipete, isicaka som‐Amaleki; yandishiya inkosi yam, ngokuba bendihliwa sisifo kuse kuntsuku ntatu. 14Tina sabesigaleleka pezu kwelasesuyide ilizwe lama‐Keriti, napezu kwelakwa‐Juda, napezu kwelasesuyide lakwa‐Kalebi, satshisa i‐Tsikilage ngomlilo. 15Waza u‐Davide wati kuyo: Ungaka undihlisele kwelibandla na? Yayisiti: Ndifungele utixo, ukuba akuyi kundibulala, nokuba akuyi kundinikela esandleni senkosi yam, ndandiya kukuhlisela kwelibandla.
16Kekaloku yakuba imhlisile, naba ke betwabulukile pezu kwobuso bomhlaba wonke, besidla, besela, beduda nokududa, ngenxa yalo lonke ixoba elikulu, ababelisusile ezweni lama‐Filistiya, nasezweni lakwa‐Juda. 17Waza u‐Davide wababeta kwa kuso isifingo sokusa kwada kwakukuhlwa kwomnye umhla; kwaye kungasindanga namnye umntu pakati kwabo, ngapandle kwamadodana angamakulu mane, abekwele pezu kwenkamela, esaba ke. 18Waye u‐Davide wahlangula konke ama‐Amaleki abekususile; nabafazi bake bobabini u‐Davide wabahlangula. 19Kwaye kungasweleki kubo, kwa nomncinane nomkulu, kwa nonyana nentombi, kwa nexoba nako konke ababekutabatele kubo; konke u‐Davide wakubuyisa. 20Waza u‐Davide watabata zonke igusha nenkomo; baziqu̔ba pambi kwezinye inkomo ezo, bati: Lixoba lika‐Davide eli.
21Kekaloku akuza u‐Davide kulawomadoda angamakulu mabini abecubukile kangaka ukuba ebengenako ukumlandela u‐Davide, nababewahlalisile emlanjaneni we‐Besore, apuma wona ukuya kumkaulela u‐Davide, nokubakaulela abantu ababenaye; waza u‐Davide wasondela ebantwini, wababulisa. 22Andula apendula onke amadoda akohlakeleyo nawobunginingini, pakati kwamadoda abehamba no‐Davide, ati: Ngenxa yokuba ebengahambanga nati, asiyi kuwanika nto kwixoba esilihlanguleyo, kupela kwindoda ngendoda umfazi wayo nabantwana bayo; makakape bona, emke. 23Koko wati u‐Davide: Aniyi kwenje njalo, bazalwana bam! ngoko uyehova akunikileyo kuti, osigcinileyo tina, nebandla elezayo ngakuti ulinikele esandleni setu. 24Ngubanina ke oya kunipulapula ngalento? ngokuba njengesabelwa sabo bahlela ekulweni, siya kuba njalo isabelwa sabo bahlala ngasempahleni; kwolingana ukwabelwa kwabo. 25Kwabekute kwa semhleni lowo nangasemva, ukuba wakumisa oku kube ngumteto nesiko kwa‐Sirayeli kwada kwanamhla.
26Wati akufika u‐Davide e‐Tsikilage, watuma inxenye yexoba kubo abadala bo‐Juda, kubo abahlobo bake, esiti: Nali itamsanqa kuni, kwixoba lentshaba zikayehova; 27kwa kubo abase‐Betele, nakubo abase‐Ramote yasesuyide, nakubo abase‐Yatire, 28nakubo abase‐Harohere, nakubo abase‐Sifimote, nakubo abase‐Shetemoha, 29nakubo abase‐Rakale, nakubo abasezixekweni zama‐Jeramele, nakubo abasezixekweni zama‐Keni, 30nakubo abase‐Horema, nakubo abase‐Kore‐hashane, nakubo abase‐Hatake, 31nakubo abase‐Hebrone, nakuzo zonke indawo, apo u‐Davide ebehambile kona, yena namadoda ake.
Currently Selected:
Eyokuqala ka‐Samyali 30: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.