Eyokuqala ka‐Samyali 13

13
1U‐SAULE waselengumnyaka mnye ekupateni kwake ubukumkani: nxa abepete ubukumkani pezu kwo‐Sirayeli iminyaka yamibini, 2wandula u‐Saule wazinyulela amawaka matatu amadoda akwa‐Sirayeli; amawaka mabini ebeko no‐Saule e‐Mikimashe nasentabeni yase‐Betele, newaka linye ebeno‐Jonatane e‐Gibeha yakwa‐Benjamine; nabantu abaseleyo wabandulula baye abanye ngabanye ezintenteni zabo.
3Waza u‐Jonatane wabeta ilali yama‐Filistiya ebise‐Geba; kwaviwa ke ngama‐Filistiya. Ngako u‐Saule wavutela ngexilongo elizweni lonke, esiti: Makeve ama‐Hebere. 4Baza bonke o‐Sirayeli beva kusitwa: u‐Saule ubetile ilali yama‐Filistiya: nakanjalo, o‐Sirayeli banukele ama‐Filistiya. Bandula abantu babizelwa ndawonye emva kwo‐Saule e‐Gilegale. 5Kanjako ama‐Filistiya ahlanganiswa ukuza kulwa no‐Sirayeli, inqwelo ezimawaka amashumi matatu, nabakweli bamahashe abamawaka matandatu, nabantu abanjengentlabati ebiselunxwemeni lwolwandle ngobuninzi: enyuka ke, ati waca e‐Mikimashe, ngasempumalanga ye‐Betavene.
6Ati amadoda akwa‐Sirayeli akubona ukuba asesixakeni, (ngokuba abantu bebekatazekile,) bandula abantu bazimela emiqolombeni, nasezindadeni, nasemaweni, nasezinqatyeni, naseminxunyeni. 7Kanjalo ama‐Hebere awela i‐Yoredane ukuya elizweni lakwa‐Gadi nele‐Gileyadi.
Kodwa u‐Saule ebeseko yena e‐Gilegale, bati bonke abantu bamlandela ngokungcangcazela. 8Waza walinda imihla yasixe̔nxe, ixesha elimisiweyo ngu‐Samyali; kodwa u‐Samyali ebengekafiki e‐Gilegale; kanjalo abantu baciteka kuye. 9Wandula u‐Saule wati: Sondezani kum idini lokutshiswa, neminikelo yoxolo. Waza wanikela idini lokutshiswa.
10Kwaye kute, akuba egqibile ukunikela idini lokutshiswa, nanku u‐Samyali esiza. Wapuma ke u‐Saule ukuya kumkaulela, aze ambulise. 11Waza wati u‐Samyali: Wenze nto nina? Wayesiti u‐Saule: Ngokuba bendibona ukuba abantu bacitekile kum, nokuba wena akufikanga ngemihla emisiweyo, nokuba ama‐Filistiya ahlanganiselwe e‐Mikimashe; 12ngako ndati: Kaloku ama‐Filistiya aya kuhlela kum e‐Gilegale, nxa ubuso bukayehova ndingabukungelanga; ndaza ndazinyanzela, ndanikela idini lokutshiswa. 13Wandula u‐Samyali wati ku‐Saule: Wenze ngobudenge; akugcinanga umyalelo kayehova, utixo wako, lowo akuyaleleyo: ngokuba kaloku uyehova ngeeqinisile ubukumkani bako pezu kwo‐Sirayeli kude kube ngunapakade: 14kodwa ngoku ubukumkani bako abuyi kuma: uyehova uzifunele indoda enjengentliziyo yake; kanjalo uyehova uyimisele ibe yinkosi pezu kwabantu bake; ngokuba ungagcinanga oko akuyaleleyo uyehova.
15Waselesuka u‐Samyali, wenyuka e‐Gilegale waya e‐Gibeha yakwa‐Benjamine. Waye u‐Saule wabala abantu abakoyo naye, banga bangamakulu matandatu amadoda. 16Kanjalo u‐Saule, no‐Jonatane unyana wake, nabantu abakoyo nabo, bahlala e‐Geba yakwa‐Benjamine.
Kodwa ama‐Filistiya ati waca e‐Mikimashe. 17Baza bapuma abafaci emnqubeni wama‐Filistiya ngamaqela amatatu: elinye iqela lajika ngasendleleni esinga e‐Hofera, ngaselizweni le‐Shuhali; 18nelinye iqela lajika ngasendleleni esinga e‐Bete‐horone; nelinye iqela lajika ngasendleleni yomda obekayo esihlanjeni se‐Tsebohime ngasentlango.
19Kekaloku bekungafunyanwa umkandi kulo lonke ilizwe lakwa‐Sirayeli; ngokuba ama‐Filistiya ebete: Hleze ama‐Hebere enze iṙele umhlaumbi intshuntshe; 20ngako o‐Sirayeli bonke behlela kuwo ama‐Filistiya, ukuba balole abanye ngabanye iskare zabo, namakuba abo, namazembe abo, nezitshetshe zepuluwa zabo. 21Kodwa bekuko intsimbi enamazinyo ukwenza intlangoti kuzo izitshetshe zepuluwa, nakuwo amakuba, nakuzo iforoke, nakuwo amazembe, nokubaza izinto zokuhlaba. 22Kwaza kwati ngomhla wokulwa, akwafunyanwa iṙele nentshuntshe ezandleni zabo bonke abantu ababeno‐Saule no‐Jonatane; kodwa bekufunyanwa ku‐Saule naku‐Jonatane unyana wake.
23Bada bapuma abelali yama‐Filistiya baya engxingweni yase‐Mikimashe.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena