Eyokuqala yokumkani 4
4
1KWA njalo ukumkani u‐Solomone ebengukumkani pezu kwo‐Sirayeli bonke. 2Aba ke bazinkosana abenazo: u‐Hazariya, unyana ka‐Tsadoki, ebelinene; 3u‐Elihorefe no‐Ahiya, onyana baka‐Shisha, bebengababa̔li; u‐Yehoshafate, unyana ka‐Ahilude, ebengumkumbuzi; 4no‐Benaya, unyana ka‐Yoyada, ebepezu kwomkosi; u‐Tsadoki no‐Abiyatare bebengabaperisite; 5no‐Hazariya, unyana ka‐Natane, ebepezu kwabo abongama; no‐Zabude, unyana ka‐Natane, ebelinene, umhlobo wokumkani; 6no‐Ahishare ebepezu kwendlu; no‐Adonirame, unyana ka‐Abeda, ebepezu kwabesitabataba.
7Kanjalo u‐Solomone ebenabongama abalishumi linababini pezu kwe‐Sirayeli yonke, abafunzelayo ukumkani nabendlu yake; bebenenyanga nye abanye ngabanye emnyakeni mnye ukuba kufunzelwe. 8Ngawo la amagama abo: unyana ka‐Hure, entabeni yakwa‐Frayime: 9unyana ka‐Dekere, e‐Makatse, nase‐Shahalabime, nase‐Bete‐shemeshe, nase‐Elonibete‐hanane: 10unyana ka‐Hesede, e‐Arubote; ebene‐Soko nalo lonke ilizwe lase‐Hefere: 11unyana ka‐Abinadabi, kuzo zonke induli zase‐Dore; u‐Tafate, intombi ka‐Solomone, ebengumfazi wake: 12u‐Bahana, unyana ka‐Ahilude, ebene‐Tahanaki ne‐Megido, nayo yonke i‐Bete‐shane, engase‐Tsaretana ezantsi kwe‐Yezerele, kutabata e‐Bete‐shane kude kwase‐Abele‐mehola, kude kwasele kwe‐Yokemame: 13unyana ka‐Gebere, e‐Ramote yase‐Gileyadi; ebenemizi ka‐Yahire unyana ka‐Manase, ese‐Gileyadi; ebenesahlulo se‐Ragobi, esise‐Bashane, izixeko ezikulu zingamashumi matandatu, zinendonga nemivalo yexina: 14u‐Ahinadabi, unyana ka‐Hido, ebene‐Mahanayime: 15u‐Himahatse ebekwa‐Nefatali; kanjalo yena wazeka u‐Basemate, intombi ka‐Solomone, abe ngumfazi: 16u‐Bahana, unyana ka‐Hushai, ebekwa‐Ashere nase‐Halote: 17u‐Yehoshafate, unyana ka‐Paruha, ebekwa‐Yisakare: 18u‐Shimehi, unyana ka‐Ela, ebekwa‐Benjamine: 19u‐Gebere, unyana ka‐Uri, ebeselizweni le‐Gileyadi, ilizwe lika‐Sihone ukumkani waba‐Amori, nelika‐Hogi ukumkani we‐Bashane; yena ebekupela kwomongama obekulo ilizwe elo.
20O‐Juda no‐Sirayeli bebebaninzi, njengentlabati engaselwandle ngobuninzi, besidla, besela, bevuya nokuvuya.
21Wati u‐Solomone wapata ubukosi pezu kwabo bonke ubukumkani, kwa kuwo umlambo kude kwasezweni lama‐Filistiya, nakude kwasemdeni we‐Jipete: bayisa iminikelo, bamkonza u‐Solomone yonke imihla yokudla kwake ubomi.
22Kekaloku ukutya kuka‐Solomone, okwemini nye, bekuzikore zomgubo ocolekileyo ezingamashumi matatu, nekore zomgubo ezingamashumi matandatu; 23nenkabi ezityetyisiweyo ezilishumi, nenkabi zamadlelo ezimashumi mabini, negusha ezilikulu; ngapandle kwamaxama, namabadi, namaza, nenkuku ezityetyisiweyo. 24Ngokuba ebenobukosi pezu kwalo lonke ilizwe elinganeno kwomlambo, kwa kuyo i‐Tipesahi kude kwase‐Gaza, pezu kwabo bonke okumkani nganeno kwomlambo; waye enoxolo ngawo onke amacala ake ngokungqonga. 25Bati o‐Juda no‐Sirayeli bahlala ngokunqaba, abanye ngabanye ngapantsi kwomti weveyine wabo nangapantsi kwomkiwane wabo, kwa se‐Dane kude kwase‐Beresheba, yonke imihla ka‐Solomone.
26Kanjalo u‐Solomone ebenezitale zamahashe enqwelwana zake ezingamawaka angamashumi mane, namahashe okukwelwa angamawaka alishumi linesibini. 27Kekaloku abongama abo babefunzela ukumkani u‐Solomone, nabo bouke abasondelayo etafileni yokumkani u‐Solomone, abanye ngabanye ngenyanga yabo; abaswelekisa nto: 28neṙalasi nenca bazizisela amahashe lawo namahashe azimbaleki kulondawo, apo baye beko kona, abanye ngabanye njengesiko labo.
29Kanjako utixo wampa u‐Solomone ubulumko, nengqondo eninzi kakulu, nobubanzi bentliziyo, njengentlabati eselunxwemeni lwolwandle. 30Babubukulu ubulumko buka‐Solomone pezu kwobulumko bawo onke amadoda asempumalanga, napezu kwabo bonke ubulumko bama‐Jipete: 31ewe ebelumkile pezu kwabantu bonke; pezu kwo‐Etane um‐Ezera, no‐Hemani, no‐Kalikoli, no‐Dareda, onyana baka‐Mahole: lwati udumo lwake lwabako kuzo zonke izizwe ezingqongayo. 32Wayeteta imizekeliso engamawaka matatu; nengoma zake zibe ziliwaka elinantlanu. 33Wateta nangemiti, kwa kuyo isedare ese‐Lebanone kwada kwakuyo ihisope epumayo eludongeni; wateta nangezilo, nangentaka, nangezinambuzane, nangentlanzi. 34Kwaza kwavela kubo bonke abantu ukuva ubulumko buka‐Solomone, kubo bonke okumkani bomhlaba, ababevile ngobulumko bake.
Currently Selected:
Eyokuqala yokumkani 4: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.