Wandula u‐Jezebele watuma isigidimi ku‐Elija, esiti: Mabenje njalo otixo kum, balekele ukwenje njalo, ukuba andenzi ubomi bako njengobomi bomnye kubo malunga nelixesha langomso! Wati akubona oko, wesuka, wahambela ubomi bake, weza e‐Beresheba, eyeyakwa‐Juda, wasishiya isicaka sake kona.
Kodwa wahamba yena entlango ihambo yamini nye, weza wahlala ngapantsi kwomti weroteme; waza wazicelela ukuba makafe, wati: Kwanele; kaloku, YEHOVA! susa ubomi bam; ngokuba ndingalungile mna pezu kwobawo bam. Wati akuba ebete butu, elele ubutongo ngapantsi kwawo umti weroteme, bona ke, yandula yampata ingelosi, yati kuye. Vuka, utye. Waza wakangela, kekaloku nasi ngasentlokweni yake isonkana sojiwe pezu kwamatye ashushu, negubu lamanzi: watya ke, wasela nokusela, wabuya walala pantsi. Yabuya ke ingelosi KAYEHOVA ngokwesibini, yampata, yati: Vuka, utye; ngokuba ihambo inkulu kuwe. Waza wavuka, wadla wasela nokusela, wahamba ngamandla okokutya, imini zamashumi mane nobusuku bamashumi mane, ukuya entabeni KATIXO, e‐Horebe.