Ngoko ke uJezebhele wathumela kuEliya esithi: “Mabandohlwaye oothixo, nokuba kuqatha kangakanani na, ukuba lide lafika ingomso ungekabi njengabo abo bashumayeli bakaBhali.” Akuluva olo daba uEliya woyika, wabaleka, esindisa ubomi bakhe. Uthe akufika eBheshebha kwelakwaJuda, walishiya khona ihlakani lakhe. Ke yena wathatha uhambo lwemini enye, wangena entlango. Wathi ke akufumana umthi wonwele, wahlala phantsi kwawo, wathandazela ukuba afe. Wathi: “Kwanele ngoku, *Ndikhoyo! Buthathe ubomi bam; kuba andilunganga ukugqitha oobawo.” Wasuka ke wangqenqa apho phantsi kwaloo mthi wonwele, wasindwa bubuthongo, walala. Kwabonakala isithunywa sezulu, samshukumisa uEliya, sathi: “Vuka, utye!” Wathi khwaphululu walaqaza, waza wabona iqebengwana lesonka ebesojiwe ngamalahle ashushu, kunye nendebe yamanzi. Wathatha ke, watya wasela, waza waphinda walala. Siphinde sabuya isithunywa sikaNdikhoyo, samshukumisa sathi: “Vuka utye, kuba lude uhambo lwakho.” Wavuka ke, watya wasela. Oko kutya ke kwamomeleza, waza wathatha uhambo lweentsuku ezimashumi mane nobusuku bazo, wada waya kufika eHorebhe, intaba kaThixo.
Funda 1 YOOKUMKANI 19
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: 1 YOOKUMKANI 19:2-8
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo