Eyokuqala incwadi ka‐Johane 4:13-19

Eyokuqala incwadi ka‐Johane 4:13-19 XHO1902A

Ngako oku siyazi ukuba siyahlala kuye, nokuba yena uyahlala kuti, ngokuba esinikile o KWOMOYA wake. Nati tina sibonile, siti kanjalo sinqi̔ne okokuba UYISE umtumile unyana wake ukuba ngumsindisi welizwe. Lowo usukuba evuma ukuba u‐Yesu unguye unyana KATIXO, UTIXO uyahlala kuye, naye yena uyahlala KUTIXO. Kanjalo tina silwazile sikoliwe nokukolwa lulo olotando UTIXO analo kuti. UTIXO ulutando: nalowo uhlala elutandweni, yena uyahlala KUTIXO, naye UTIXO uyahlala kuye. Kuko oku utando lufezekiselwe tina, ukuze sibe nalo ukalipo emhleni womgwebo: ngokuba njengokuba enjalo yena lowo, sinjalo tina nati kwelilizwe. Akuko soyiko elutandweni; koko utando olufezekileyo lusilahlela pandle isoyiko; kuba isoyiko sinabo ubuhlungu: yena owoyikayo akafezekiswanga elutandweni. Siyamtanda yena, kuba wasitanda tina tanci.