Siyazi ukuba sihlala simanyene naye, naye uhlala emanyene nathi, kuba usinike isabelo soMoya wakhe. Ngaphezu koko nathi sizibonele, saye siyangqina, ukuba uYise wamthuma uNyana ukuze asindise ihlabathi. Nawuphi na umntu ovumayo ukuba uYesu nguNyana kaThixo, uhlala emanyene noThixo, noThixo uhlala emanyene naye. Ngoko ke nathi ngokwethu siyalwazi, saye sikholosa ngalo uthando aluthululele kuthi uThixo. UThixo uluthando, yaye nabani na ohlala eluthandweni uhlala emanyene noThixo, noThixo uhlala emanyene naye. Xa uthando lukaThixo luyondelelene kuthi, asiyi koyika ngomhla womgwebo, kuba sohlala kweli hlabathi njengoko uKrestu wayesoloko enjalo ehlabathini. Alukho uloyiko apho kukho uthando, kuba uthando oluyondeleleneyo luyakugxotha ukoyika. Kaloku emntwini owoyikayo uthando alukayondelelani, kuba ukoyika kuhambisana nesohlwayo. Sinalo ke uthando kuba thina sathandwa nguThixo kuqala.
Funda 1 KAYOHANE 4
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: 1 KAYOHANE 4:13-19
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo