Eyokuqala incwadi ka‐Johane 3:1-24

Eyokuqala incwadi ka‐Johane 3:1-24 XHO1902A

Bonani utando olungakanana asinikile lona UYISE, lwokuba sibizwe ngabalusapo LUKATIXO! Ngenxa yoku ilizwe alisiqondi, ukuba belingamqondanga yena. Batandwa! kaloku silusapo LUKATIXO, kanti akukabonakaliswanga into esiya kuba yiyo: kodwa siyazi ukuba, xeshekweni abonakaliswayo, soba sifana naye; kuba siya kumbona njengokuba enjalo. Nosukuba enalo itemba eli pezu kwake, yena uyazicokisa, njengokuba yena lowo ecokisekile. Osukuba esenza isono, uyakwenza nokugqita umteto; ewe isono sikuko ukugqita umteto. Kanjalo niyazi ukuba yena lowo wabonakaliswa, ukuze izono zetu azisuse; nokuba akuko sono kuye. Osukuba ehlala kuye akoni: osukuba esona, akambonanga, akamazanga kanjalo. Lusatshana! makungabiko onikohlisayo: owenza ubulungisa ulungile, njengokuba yena lowo elungile. Owenza isono ungowakuye u‐Satane; kuba u‐Satane esona kwa sekuqaleni. Wabonakaliselwa kwa oku unyana KATIXO, ukuba ayici̔te imisebenzi ka‐Satane. Osukuba ezelwe NGUTIXO akenzi sono, kuba imbewu yake ihlala kuye; akangone ke, kuba ezelwe NGUTIXO. Ngako oku bayabonakala abalusapo LUKATIXO nabalusapo luka‐Satane: osukuba engenzi ubulungisa akangowakuye UTIXO, kwa nalowo ungamtandiyo umzalwana wake. Ngokuba siso esi isishumayelo enasivayo kwa sekuqaleni, sokuba sitandane. Singabi njengaye u‐Kayine, obengowakuye okohlakeleyo, wambulala umninawe wake. Wambulala ngenxa yanina ke? Ngokuba imisebenzi yake ibikohlakele, kodwa eyomninawe wake ibilungile. Ningati nqa, bazalwana bam! ukuba ilizwe liyanitiya. Siyazi tina ukuba sipumile ekufeni sangena ebomini, kuba sitanda bona abazalwana: lowo ungamtandiyo umzalwana wake uyahlala ekufeni. Osukuba emtiya umzalwana wake unguye umbulali: niyazi ke ukuba akuko mbulali onabo ubomi obungunapakade buhlala kuye. Ngako oku siyaluqonda utando, ukuba yena lowo wabeka pantsi ubomi bake ngenxa yetu: nati ke sifanelwe kukubeka pantsi ubomi betu ngenxa yabo abazalwana. Kodwa yena osukuba enayo imfuyo yelilizwe, ati umzalwana wake ambone esekusweleni, amvalele umbilini wake, luti nina utando LUKATIXO ukuhlala kuye? Lusatshana lwam! ukutanda kwetu makungabi ngelizwi nangolwimi, makube ngesenzo nangenyaniso. Kwa ngako oku siyazi ukuba singabakuyo inyaniso, nokuba siya kuncami sa intliziyo zetu pambi kwake. Ngokuba xeshekweni intliziyo yetu isigwebayo, UTIXO umkulu kuyo intliziyo yetu, uyazazi zonke izinto kanjalo. Batandwa! xeshekweni intliziyo yetu ingasigwebiyo, sinalo ukalipo ngakuye UTIXO: nako oko sisukuba sikucela, siyakwamkela kuye, ngokuba imiyalelo yake siyigcina, nezinto ezikolekileyo ebusweni bake sizenza. Nguwo ke lo umyalelo wake, wokokuba sikolwe egameni lonyana wake u‐Yesu Kristu, nokuba sitandane, njengokuba wasinikayo umyalelo. Nalowo uyigcinayo imiyalelo yake uyahlala kuye, naye yena uyahlala kuye. Kwa ngako oku siyazi ukuba uyahlala kuti, ngo KWOMOYA asinikileyo.