Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 6
6
1KUKO na owenu, enendawo ngakuye omnye, olinga ukuti amangale pambi kwabangalungileyo, angamangali pambi kwabangcwele? 2Anazi na okokuba abangcwele boligweba ilizwe? Kekaloku ukuba lona ilizwe liyagwetywa ngani, nikohliwe na ngamatyala amancinanana? 3Anazi na okokuba siya kugweba ingelosi? kangakananina ngakumbi ke izinto zobubomi? 4Xeshekweni ngoko ninawo amatyala ezinto zobubomi, bahlaliseni abo bangenakubekwa eṙementeni ukuba aba babe ngabagwebi. 5Ndiyateta oku nize nibe nentloni. Kunjalo na, ukuba akuko kwa namnye umntu olumkileyo pakati kwenu, ongalamlayo pakati kwabazalwana bake? 6Hai, umzalwana uyamangalelana nomzalwana, esenje njalo ke pambi kwabangakoliweyo. 7Sekuko ngoko isiposo kanye pakati kwenu, ukuba ninamatyala omnye nomnye. Yinina ukuba ngokukumbi ningazivumeli ukwoniwa? yinina ukuba ngokukumbi ningazivumeli ukulumkiswa? 8Hai, niti nina none nilumkise, ewe kwa nabazalwana benu.
9Anazi yinina, okokuba abonayo abayi kulidla ilifa lobukumkani bukatixo? Ize ningakohliswa ke: kwa nabapimisi, nabakonzi bezitixo, nabaṙexezi, namahenyu, nabalala namadoda, 10namasela, namabawa, namanxila, nabatuki, nabapangi, abayi kulidla ilifa lobukumkani bukatixo. 11Naye nibe ningabanjalo nina inxenye: koko nibe nihlanziwe, koko nibe ningcwalisiwe, koko nibe nigwetyelwe egameni lenkosi u‐Yesu, na kumoya katixo wetu.
12Zonke izinto ndizivunyelwe, koko zingezizo zonke izinto ezindilungeleyo; zonke izinto ndizivunyelwe, koko ndingayi kubanjwa ngapantsi kwamandla ento nanye. 13Izinto zokudla zezesisu, nesisu sesezinto zokudla; kanti utixo wotshabalalisa kwa nesi nezo. Umzimba kodwa awungowombulo, ungo wenkosi; nenkosi yeyomzimba. 14Kanjalo utixo wayivusa inkosi, waeya kuvusa kwa nati ngawo amandla ayo. 15Anazi na ukuba imizimba yenu ingamalungu ka‐Kristu? Ndiya kutabata amalungu ka‐Kristu ke na, ndiwenze amalungu ompinyiswa? Kwanga kungebe njalo! 16Anazi yinina, okokuba lowo unamatelayo kumpinyiswa ungumzimba mnye? ngokuba esiti: Abo babini boba yinyama nye. 17Kodwa lowo unamatelayo kwinkosi ungumoya mnye. 18Balekani umbulo. Zonke izono asukuba ezenza umntu, zingapandle kwomzimba; kodwa owenza umbulo, uyonela owake umzimba. 19Anazi yinina, okokuba umzimba wenu uyitempile yomoya oyingcwele okuni, eninaye evela kutixo, nokuba aningabenu? 20Ngokuba benitengiwe ngenani: dumisani ke ngoko utixo, emzimbeni wenu, nasemoyeni wenu, eye katixo yomibini.
Currently Selected:
Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 6: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.