Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 4
4
1MAKATI umntu enje njalo ukubalela tina, njengokuba singabakonzi baka‐Kristu namagosa emfihlakalo zikatixo. 2Kanjako kufunelwa emagoseni, ukuba umntu afunyanwe enyanisekile. 3Kodwa kum yinto encinanana ukuba ndibuzwe nini, umhlaumbi, ngumbuzo wabantu; ewe nam andizibuzi ngokwam: 4ngokuba ndingazeli nanto ngakum; noko akungako oku endigwetyelweyo: kodwa lowo undibuzayo u yinkosi. 5Kwa njalo ke ningagwebi into lingekabiko ixesha, ide ifike inkosi, eya kuti nezinto ezifihlakeleyo zobumnyama azizise ekuhleni, namaqinga entliziyo awabonakalise: bandule oko bonke ngabanye babe nodunyiswa lwabo kutixo.
6Kekaloku ezizinto bazalwana! ndiziguqulele kwa kum no‐Apolosi ngokuzekelisa ngenxa yenu, ukuze niti kuti nifunde ukuba ningakumbuli ngokupezulu kwoko kuba̔liweyo, ize ningavutelani omnye ngecala lomnye ngakuye wumbi. 7Ngokuba ngubanina okwenza wahluke? kanjalo yinto nina unayo ongayamkelanga? kodwa ukuba wayamkela, uqa̔yisela nina, njengokungati akwayamkela?
8Nise nihlutisiwe, nise nityebile, nipete ubukosi ngapandle kwetu: he, anaba napata ubukosi! ukuze nati sipate ubukosi kunye nani. 9Ngokuba ndisiba utixo usivelisile tina bapostile sibe ngabokugqibela, njengabo bamiselweyo ukufa: kuba senziwe isibonelo kulo ilizwe, nakuzo ingelosi, nakubo abantu. 10Tina sizizidenge ngenxa ka‐Kristu, kodwa nina ningabalumkileyo ku‐Kristu; tina sibutataka, kodwa nina nomelele; nina ninokubekwa, kodwa tina sinokudelwa. 11Siti kude kube kwelixeshana likoyo silambe, sinxanwe, sihambe zé, sintlitekwe, singa bi nandawo yokuhlala eqinileyo, 12sizame sisebenza ngezetu izandla: situkwa nje, siyatamsanqelisa; sitshutshiswa nje, siyanyamezela; 13sigxekwa nje, siyabongoza: senziwe njengenkunkuma yelizwe, njengenkutu yezinto zonke, kwada kwakaloku nje.
14Andiziba̔li ezizinto kuni ukunenzela intloni, kodwa njengabantwana bam abatandiweyo ndiyaniluleka. 15Ngokuba, nangona ningaba nabo abondleli abalishumi lamawaka ku‐Kristu, ningenabo oyise abaninzi noko: ngokuba ku‐Kristu Yesu ndanizalayo mna ngayo ivangeli. 16Ndiyanikunga ngoko, yibani ngabalandeli bam.
17Ngenxa yoku ndimtumile kuni u‐Timote, ongumntwana wam otandiweyo, onyanisekileyo enkosini kanjalo, oya kunikumbuza indlela zam ezikuye u‐Kristu, njengokuba ndifundisayo ezindaweni zonke kuzo zonke iṙemente. 18Kekaloku inxenye bavutelene, njengokungati bendingezi kuni. 19Kodwa ndohla ndize kuni, xeshekweni inkosi itandayo, ndazi ke, kungabi lilizwi labo bavuteleneyo, kube ngamandla. 20Ngokuba ubukumkani bukatixo bungemi elizwini, koko bumi emandleni. 21Kukupina enikutandayo? ndize kuni ndinentonga, ndize ngotando nangomoya wolulamo, kusinina?
Currently Selected:
Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 4: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.