KEKALOKU ngazo izipiwo ezibumoya, bazalwana! anditandi ukuba nibe ningenakwazi. Niyazi ukuba nibe ningabaheyideni nir̔olelwa ezitixweni ezingenakuteta, njengokuba kusukuba nibe nikokelwa. Ngako oko ndiyanazisa, ukuba akuko mntu eteta NGOMOYA KATIXO oti u‐Yesu uyinto eqalekisiweyo: kanjalo akuko mntu ongatshoyo ukuti u‐Yesu u YINKOSI, kupela NGOMOYA OYINGCWELE. Kuko izipiwo ngezipiwo, kodwa UMOYA okwa mnye. Kuko nezikonzo ngezikonzo, NENKOSI ekwa nye. Kuko namasebenzi ngamasebenzi, kodwa NGUTIXO okwa mnye okwenzayo konke kubo bonke. Kodwa kuyanikwa kwabanye ngabanye ukubonakaliswa KWOMOYA kube kukuncedwa. Ngokuba kunikwa komnye ngaye UMOYA ilizwi lobulumko; nakomnye ilizwi lokwazi ngokwalowo UMOYA; nakomnye ukolo ngalowo UMOYA; nakomnye izipiwo zokupilisa ngalowo UMOYA; nakomnye amasebenzi emimangaliso; nakomnye isiprofitesho; nakomnye ukwahlula omoya; nakomnye intlobo ngentlobo zenteto: nakomnye ukukumsha inteto: kodwa zonke ezi uyazenza oyena mnye UMOYA okwa nguye lowo, ebabela bonke abanye ngabanye njangokuba evuma.
Funda Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 12
Share
Compare All Versions: Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 12:1-11
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos