Malunga nezipho zoMoya oyiNgcwele kukho izinto endifuna ukunicacisela zona, mawethu. Niyazi ukuba ngokuya nanisengabahedeni nanilawulwa niphuphuthekiswa zizithixo ezizizidenge. Ngoko ke yiqondeni into yokuba akukho bani ukhokelwa nguMoya kaThixo unokuthi: “Uqalekisiwe uYesu,” futhi kungekho bani unokuvuma ukuba: “UYesu uyiNkosi,” engakhokelwa nguMoya oyiNgcwele. Kukho iintlobo ngeentlobo zeziphiwo, kodwa zivela kuMoya omnye. Kukho iintlobo ngeentlobo zemisebenzi, kodwa kusetyenzelwa iNkosi enye. Kukho iintlobo-ntlobo zeziphiwo zamandla okusebenza, kodwa xa zizonke zivela kuThixo, ikwanguye nozabela ulowo nalowo. Kuthi sonke ngabanye uMoya uzibonakalisa ngendlela ethile, enenjongo yokuba sakhane. Umntu othile uMoya umnika ubulumko, aze omnye amnike ukwazi. Kwalo Moya mnye omnye umnika inzondelelo, aze omnye amnike amandla okuphilisa. Omnye umntu uMoya umnika amandla okwenza imiqondiso, aze omnye amnike amandla okushumayela, wumbi amnike ubuchule bokucalula oomoya. Omnye umnika isiphiwo sokuthetha iilwimi, aze omnye amnike isiphiwo sokutolika. Kodwa ngulo Moya mnye owenza yonke le nto; umntu ngamnye umnika isipho esahlukileyo ngokubona kwakhe.
Funda 1 KWABASEKORINTE 12
Share
Compare All Versions: 1 KWABASEKORINTE 12:1-11
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos