Eyokuqala yezikronike 16
16
1Baza bangenisa ityeya katixo, bayimisa pakati kwentente ebe yolulelwe yona ngu‐Davide; baye benikela amadini okutshiswa neminikelo yoxolo pambi kwotixo. 2Xeshekweni u‐Davide abegqibile ukunikela amadini okutshiswa neminikelo yoxolo, wandula wabatamsanqelisa abantu egameni likayehova. 3Kanjalo wabela kubo bonke abantu bakwa‐Sirayeli, kuwo amadoda nakubo abafazi, kwabanye ngabanye, isimba lesonka, nesiqendu senyama, negubu leveyine.
4WAZA wamisela pambi kwetyeya kayehova abatile kuba‐Levi babe ngabakonzi, nokuba bakankanye, babulele, badumise uyehova, utixo wo‐Sirayeli: 5u‐Safa oyintloko, no‐Zekariya osemva kwake; u‐Yeyeli, no‐Shemiramote, no‐Yehili, no‐Matitiya, no‐Eliyabe, no‐Benaya, no‐Obedi‐edome; wati u‐Yeyeli wavakalisa ngenebele nangehadi, kodwa u‐Safa wavakalisa ngesimbali; 6no‐Benaya, no‐Yahaziyeli, abaperisite, ngamaxilongo futi pambi kwetyeya yocebano lukatixo.
7Oko, kwa ngalomini, wanika u‐Davide kuqala cliculo lokumdumisa uyehova esandleni sika‐Safa nabazalwana bake, lokuti:
8Bulelani kuyehova, shumayelani igama lake, yazisani izenzo zake pakati kwabantu. 9Vumani kuye, culani amaculo kuye, tetani ngayo yonke imimangaliso yake. 10Qa̔yisani ngegama lake eliyingcwele: maivuye intliziyo yabamfunayo uyehova. 11Buzani uyehova namandla ake: funani ubuso bake futi. 12Kumbulani imimangaliso yake ayenzileyo, imiqondiso yake, nezigwebo zomlomo wake; 13nina nzalo ka‐Sirayeli isicaka sake, bonyana baka‐Yakobi, abaqashwa bake! 14Nguyehova, utixo wetu, yena; imigwebo yake ikuwo wonke umhlaba, 15Kumbulani ucebano lwake kude kube ngunapakade; ilizwi wabelixela kwiwaka lezizukulwana; 16ucebano owalwenzayo no‐Abrahame, nesifungo sake ku‐Yisake; 17walumisela ku‐Yakobi lube ngumteto, ku‐Sirayeli lube lucebano olungunapakade, 18esiti: Ndokunika ilizwe le‐Kanane, isabiwo selifa lenu; 19okuya nibe ningabantu abalula, kwa into encinanana nabasemzini kulo. 20Bati bakuya kwisizwe ngesizwe, bevela kwobunye ubukumkani besiya ebantwini bambi: 21akavumelanga mntu ukuba ababandezele; wabohlwaya nokumkani ngenxa yabo, 22esiti: Ningacukumisi abatanjiswa bam, nabaprofite bam ningabapati kakubi.
23Vumani kuyehova, mhlaba wonke! shumayelani usindiso lwake ngemihla ngemihla. 24Balisani ubungcwalisa bake pakati kwabaheyideni, imimangaliso yake pakati kwezizwe zonke. 25Ngokuba uyehova emkulu, ulungel’ ukudunyiswa kakulu; ulungel’ ukwoyikwa napezu kwotixo bonke. 26Ngokuba bonke otixo bezizwe bengamadalo; kanti uyehova walenza izulu. 27Ebusweni bake kuko isitomo nobungangamsha: endaweni yake kuko amandla nomgcobo. 28Nikelani kuyehova, zizukulwana zabantu! nikelani kuyehova ubungcwalisa namandla. 29Nikelani kuyehova ubungcwalisa begama lake: zisani umnikelo, ningene ebusweni bake: bedeshani uyehova ebuhleni bobungcwele. 30Tutumelani pambi kwake, mhlaba wonke! Ilizwe nalo liya kuqiniswa, lize lingabi nakushukunyiswa. 31Malivuye izulu, ugcobe umhlaba; makutiwe pakati kwezizwe: Uyehova upete ngobukumkani. 32Malugqume ulwandle, nokuzala kwalo; mazivuyelele izindle, nako konke okupakati kwazo. 33Oko iya kugcoba yonke imiti yehlati ebusweni bukayehova: ngokuba esiza agwebe umhlaba.
34Bulelani kuyehova, ngokuba elungile: ngokuba ububele bake bungunapakade. 35Yitini: Sisindise. Tixo wosindiswa lwetu! sihlanganise, usihlangule kubaheyideni, size sibulele egameni lako elingcwele, siqa̔yise eludunyisweni lwako. 36Makabongwe uyehova, utixo wo‐Sirayeli, kwa kunapakade kude kube ngunapakade!
Baza bati bonke abantu: Amene! bamdumisa uyehova.
37Kwa njalo washiyela kona, ebusweni betyeya yocebano lukayehova, u‐Safa nabazalwana bake, ukuba bakonze pambi kwetyeya futi, njengendawo yemihla ngemihla; 38no‐Obedi‐edome, nabazalwana babo, amashumi matandatu anesibozo; no‐Obedi‐edome unyana ka‐Jedutune, no‐Hosa, babe ngabalindimnyango; 39no‐Tsadoki umperisite, nabazalwana bake abaperisite, pambi kwetabanakele kayehova endaweni epakamileyo ese‐Gibeyone, 40ukuba banikele amadini okutshiswa kuyehova, pezu kwesibingelo sedini lokutshiswa futi, ngokusa nangokuhlwa, benze nangako konke okuba̔liweyo emtetweni kayehova owabewuxele ko‐Sirayeli; 41nakunye nabo u‐Hemani no‐Jedutune, nesisalela sabanyuliweyo, abebebalulwe ngamagama, ukuba babulele kuyehova, ngokuba ububele bake bungunapakade; 42nakunye nabo u‐Hemani no‐Jedutune, benamaxilongo nesimbali zibe zezabavakalisayo, nezinto zokuculisa zikatixo. Bati onyana baka‐Jedutune balinda esangweni.
43Bada bemka bonke abantu baya abanye ngabanye ezindlwini zabo; waza wabuya u‐Davide ukuya kutamsanqelisa indlu yake.
Currently Selected:
Eyokuqala yezikronike 16: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.