Eyokuqala yezikronike 13
13
1WAZA u‐Davide wacebisana nenkosi zamawaka nezamakulu, kunye nenkosi zonke. 2Wayesiti u‐Davide kuyo yonke intlanganiso yo‐Sirayeli: Ukuba kunga kulungile kuni, nokuba kuvela kuyehova, utixo wetu, masitume ngamacala onke kubazalwana betu abaseleyo kulo lonke ilizwe lakwa‐Sirayeli, nakunye nabo kubaperisite naba‐Levi abasezixekweni zenqele zabo, ukuba bazihlanganisele kuti; 3netyeya katixo wetu masiyijikisele kuti: ngokuba singabuzanga kuyo emihleni ka‐Saule. 4Yaza yonke intlanganiso yati iya kwenje njalo: ngokuba londawo ibifanele emehlweni abantu bonke.
5Wandula u‐Davide wahlanganisa o‐Sirayeli bonke, kwa se‐Shihore yase‐Jipete kwada kwasekungenweni kwe‐Hamati, ukuba kubuyiswe ityeya katixo e‐Kiriyate‐yarime. 6Wenyuka u‐Davide, no‐Sirayeli bonke, ukuya e‐Bahala, e‐Kiriyate‐yarime, eyakwa‐Juda, ukunyusa kwa kona ityeya katixo onguyehova, ohlalayo pakati kwekerubime, ogama libizwayo pezu kwayo.
7Baza bakwelisa ityeya katixo enqwelweni entsha, besuka nayo endlwini ka‐Abinadabi: bati u‐Huza no‐Ahiyo babexesha inqwelo. 8Bandula u‐Davide no‐Sirayeli bonke badlala ebusweni bukatixo ngamandla onke, nangamaculo, nangehadi, nangenebele, nangentambula, nangesimbali, nangamaxilongo.
9Kwati kwakufikwa esibayeni sokubula sika‐Kidone, waza u‐Huza wolula isandla sake ukuba abambe ityeya; ngokuba inkabi beziku̔beka. 10Yandula yavuta ingqumbo kayehova ngakuye u‐Huza, wambeta ke, ngenxa yokuba ebesolule isandla sake ngasetyeyeni; waza wafa kona ebusweni bukatixo. 11Wasuka waqumba u‐Davide ngokokuba uyehova ebenzile isityobozelo pezu kwo‐Huza; ngako wayibiza londawo ngokuti yi‐Peretse‐huza, kude kwanamhla nje. 12Waza u‐Davide wamoyika utixo ngalomini, esiti: Ndoti nina ukuyizisa kum ityeya katixo? 13Ngako u‐Davide akapambukisa ityeya leyo iye kuye esixekweni sika‐Davide, kodwa wayishenxisela endlwini ka‐Obedi‐edome um‐Gate. 14Yaye ityeya katixo ihleli nabendlu ka‐Obedi‐edome, endlwini yake, inyanga zantatu: waza uyehova watamsanqela indlu ka‐Obedi‐edome, nako konke abenako.
Currently Selected:
Eyokuqala yezikronike 13: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.