Eyokuqala yezikronike 12
12
1KEKALOKU ngaba abezayo ku‐Davide, e‐Tsikilage, nxa abesavalelwa ngenxa ka‐Saule unyana ka‐Kishe: bebepakati kwamagoṙa nabo, bengabancedi emfazweni; 2benokutyeda isipeta, besenza nangesokunene nangesokohlo isandla ukusaula ngamatye nokutola ngentolo ngesipeta: bebengabakubo abazalwana baka‐Saule, kuma‐Benjamine: 3oyintloko u‐Ahihezere, no‐Yohashe, onyana baka‐Shemaha, um‐Gibeha; no‐Yeziyeli, no‐Pelete, onyana baka‐Hazamaveti; no‐Beraka; no‐Jehu, um‐Hanatote; 4no‐Yishemaya, um‐Gibeyone, obeligoṙa pakati kwabamashumi matatu, obepezu kwabamashumi matatu kanjako; no‐Jeremiya; no‐Yahaziyeli; no‐Johanane; no‐Yozabadi, um‐Gedera; 5u‐Eluzai; no‐Jerimote; no‐Behaliya; no‐Shemariya; no‐Shefatiya, um‐Harufe: 6u‐Lekana, no‐Yishiya, no‐Hazareli, no‐Yohezere, no‐Yashobame, ama‐Kora; 7no‐Johela, no‐Zebadiya, onyana baka‐Yerohame, owase‐Gedore.
8Nakuma‐Gadi kwazahlula ukuya ku‐Davide enqatyeni ngasentlango amagoṙa abuṙoti, amadoda omkosi eqelene nokulwa, exo̔be ikaka nomkonto; ubuso bawo bunjengobuso bengonyama, enjengamabadi pezu kwentaba ngokuba namendu: 9u‐Hezere ebengowokuqala; u‐Hobadiya ebengowesibini: u‐Eliyabe ebengowesitatu; 10u‐Mishemana ebengowesine; u‐Jeremiya ebengowesihlanu; 11u‐Hatai ebengowesitandatu; u‐Eliyeli ebengowesixe̔nxe; 12u‐Johanane ebengowesibozo; u‐Lezabadi ebengowesitoba: 13u‐Jeremiya ebengoweshumi; u‐Makebanai ebengoweshumi elinesinye. 14Aba ke bebengabonyana baka‐Gadi, intloko zomkosi: lowo obengomncinane wapezu kwekulu, nalowo obengomkulu wapezu kwewaka 15Ngabo aba abawela i‐Yoredane ngenyanga yokuqala, yakuba ibizalele pezu kwazo zonke indonga zayo; baza basabisa bonke abasemihlanjeni, ngasekupumeni nangasekutshoneni kwelanga.
16Kwaye kusiza enqatyeni ku‐Davide inxenye kubo onyana baka‐Benjamine no‐Juda. 17Waza u‐Davide wapumela pambi kwabo, wateta, wati kubo: Ukuba nize ngoxolo kum, ukuze nindincede, intliziyo yam yoba nye neyenu; kodwa ukuba nize ukundikila ezintshabeni zam, kungeko ubudlwengu nje esandleni sam, makabone utixo wobawo betu, ohlwaye ke! 18Waza umoya wangena ku‐Hamasai, intloko yenjengele, owati: Singabako. Davide! sikunye nawe, nyana ka‐Jese! uxolo, uxolo malube kuwe, uxolo malube nakubancedi bako; ngokuba utixo wako ekunceda. Wandula u‐Davide wabamkela, wababeka pakati kwentloko zebandla.
19Nakubo o‐Manase kwapongomela ku‐Davide inxenye, nxa abesiza nama‐Filistiya ukulwa ngaku‐Saule: kanti abawanceda: ngokuba inkosi zama‐Filistiya bezite ngecebo zamndulula, zisiti: Uya kupongomela enkosini yake u‐Saule, azise ingozi pezu kwentloko zetu. 20Nxa abesiya e‐Tsikilage, kwapongomela kuye, kubo o‐Manase, u‐Hadena, no‐Yozabadi, no‐Yedaheli, no‐Mikaheli, no‐Yozabadi, no‐Elihu, no‐Tsiletai, intloko zamawaka akwa‐Manase. 21Aba bamnceda u‐Davide ngakulo ibandla, ngokuba bebengamagoṙa abuṙoti bonke: baba zinkosi emkosini kanjako. 22Ngokuba ngexesha elo, imihla ngemihla, bekuziwa ku‐Davide ukumnceda, kwada kwabako umkosi omkulu, njengomkosi katixo.
23OKU kukubalwa kwamaqela abaxo̔bele ukulwa, abezayo ku‐Davide e‐Hebrone, ukuba kuguqulelwe kuye ubukumkani buka‐Saule, njengelizwi likayehova. 24Onyana baka‐Juda, abapete ikaka nomkonto, bebengamawaka matandatu anamakulu asibozo, bexo̔bele ukulwa. 25Kubo onyana baka‐Simone, amagoṙa abuṙoti ekulweni, ngamawaka asixe̔nxe anekulu linye. 26Kubo onyana baka‐Levi, ngamawaka mane anamakulu matandatu. 27Kekaloku u‐Yoyada ebeyinkosi yama‐Arone, enaye amawaka matatu anamakulu asixe̔nxe: 28no‐Tsadoki, indodana ebiligoṙa elibuṙoti; nendlu kayise, inkosi zayo bezingamashumi mabini anesibini 29Nakubo onyana baka‐Benjamine, abazalwana baka‐Saule, ngamawaka matatu: ngokuba kwada kwakaloku into eninzi yabo yabambelela kwindlu ka‐Saule. 30Nakubo onyana baka‐Frayime, ngamawaka angamashumi mabini anamakulu asibozo, amagoṙa abuṙoti, amadoda adumileyo kwindlu zoyise zawo. 31Nakuso isiqingata sesizwe sika‐Manase, ngamawaka alishumi linesibozo, abebalulwe ngamagama, ukuba eze kumenza u‐Davide ukumkani. 32Nakubo onyana baka‐Yisakare, abo bakwaziyo ukuqiqa amaxesha, ukuba bayiqonde into bange beyenza o‐Sirayeli, abazintloko zabo bebengamakulu mabini; bati bonke abazalwana babo benza ngelizwi labo. 33Nakubo o‐Zebulone, abo bapumayo nomkosi, becwangciselwe, ukulwa, benempahla zonke zemfazwe, ngamawaka angamashumi mahlanu; baye behlanganisana ke, bengenantliziyo mbini. 34Nakubo o‐Nefatali, inkosi zaliwaka, nakunye nazo, benekaka nentshuntshe, ngamawaka angamashumi matatu enesixe̔nxe. 35Nakuma‐Dane, ecwangciselwe ukulwa, ngamawaka angamashumi mabini enesibozo anamakulu matandatu. 36Nakubo o‐Ashere, abo bapumayo nomkosi, becwangciselwe ukulwa, ngamawaka angamashumi mane. 37Napesheya kwe‐Yoredane, kwa kuwo ama‐Rubene, nama‐Gadi, nesiqingata sesizwe sika‐Manase, enempahla zonke zomkosi wokulwa, ngamawaka alikulu elinamashumi mabini.
38Ati onke lamadoda okulwa, ehlanganisene ngamabandla, eza ngentliziyo ekolisekileyo e‐Hebrone, ukuba amenze u‐Davide ukumkani pezu kwo‐Sirayeli bonke: kanjalo sonke isisalela so‐Sirayeli sasiyintliziyo nye naso ukwenza u‐Davide ukumkani. 39Abeko kona ndawonye no‐Davide intsuku zantatu, esidla esela nokusela: ngokuba ebelungiselwe ukutya ngabazalwana bawo. 40Kanjako abo abebekufupi nawo, kwada kwase‐Yisakare, ne‐Zebulone, ne‐Nefatali, bazisa isonka pezu kwamaqwaṙashe, napezu kwenkamela, napezu kwamaqwaṙaṙa, napezu kwenkabi, ukutya kwomgubo, amasimba amakiwane, nezipa zedreyive ezishwenyileyo, neveyine, neoli, nenkabi, negusha ngento eninzi: ngokuba bekuko uvuyo kwa‐Sirayeli.
Currently Selected:
Eyokuqala yezikronike 12: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.