Masimdumise uThixo, yena onako ukunizinzisa elukholweni ngokweendaba ezimnandi endizivakalisayo, ndishumayela uYesu Krestu. Ezi ndaba zityhila imfihlakalo eyayikade ifihliwe mandulo. Ngoku ke ibonakalisiwe. Yile mfihlakalo ke yayixelwa zizibhalo *zabashumayeli. Babesenjenjalo ngokuyalelwa nguThixo ohlala ehleli. Lo myalelo uThixo uwenze ukuze kubekho abakholiweyo nabamthobelayo kuzo zonke iintlanga. Ke uThixo uSobulumko makadunyiswe kude kube ngunaphakade ngenxa kaYesu Krestu. *Amen.
Funda KWABASEROMA 16
Share
Compare All Versions: KWABASEROMA 16:25-27
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos