KWABASEROMA 16:25-27
KWABASEROMA 16:25-27 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku, kuye onako ukunizimasa ngokweendaba zam ezilungileyo, novakaliso lukaYesu Kristu, ngokokutyhilwa kwemfihlelo ebifihliwe kwasephakadeni, ebonakalalisiweyo ke ngoku, eyaziswayo kanjalo ngezibhalo zabaprofeti ngokommiselo kaThixo ongunaphakade, ukuba kubekho ukulululamela ukholo, kuzo zonke iintlanga: kuThixo olumke yedwa, ngaye uYesu Kristu, malubekho uzuko kude kube ngunaphakade. Amen.

KWABASEROMA 16:25-27 IBHAYIBHILE (XHO96)
Masimdumise uThixo, yena onako ukunizinzisa elukholweni ngokweendaba ezimnandi endizivakalisayo, ndishumayela uYesu Krestu. Ezi ndaba zityhila imfihlakalo eyayikade ifihliwe mandulo. Ngoku ke ibonakalisiwe. Yile mfihlakalo ke yayixelwa zizibhalo *zabashumayeli. Babesenjenjalo ngokuyalelwa nguThixo ohlala ehleli. Lo myalelo uThixo uwenze ukuze kubekho abakholiweyo nabamthobelayo kuzo zonke iintlanga. Ke uThixo uSobulumko makadunyiswe kude kube ngunaphakade ngenxa kaYesu Krestu. *Amen.
KWABASEROMA 16:25-27 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku, kuye onako ukunizimasa ngokweendaba zam ezilungileyo, novakaliso lukaYesu Kristu, ngokokutyhilwa kwemfihlelo ebifihliwe kwasephakadeni; Ngoku ke ibonakalisiwe, nangezibhalo zabaprofeti, ngokomthetho kaThixo ongunaphakade, yabonakalaliswa kuzo zonke iintlanga, ukuze lumlulamele ukholo; kuThixo olumke yedwa, ngaye uYesu Kristu, malubekho uzuko kude kube ngunaphakade. Amen. (Yabhalelwa amaRoma eseKorinte, yaza yathunyelwa nguFebhi umkhonzi webandla laseKenkreya.)
KWABASEROMA 16:25-27 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kekaloku kulowo unamandla okuniqinisa njengokwevangeli yam nokushunyayelwa kuka‐Yesu Kristu, njengokwokutyilwa kwemfihlakalo, ebitiwe cwaka emaxesheni akudala, ete kodwa yabonakaliswa kaloku nje, yaziswa ngazo iziba̔lo zabaprofite, njengokwomyolelo wake UTIXO ongunapakade, kuzo zonke intlanga kube kukuva kwokolo: KUTIXO okupela kwolumkileyo, ngaye u‐Yesu Kristu, okuye makubeko ubungcwalisa kude kube ngunapakade. Amene.