*Ndikhoyo, Nkosi yethu, hayi ukubaluleka kwegama lakho ehlabathini! Wena uqaqambisa amazulu ngesithozela sakho, nditsho abantwana kwaneentsana ziyakubonga, nto leyo ibamisela umqobo abachasi wokuvalela utshaba kwanomphindezeli. Xa ndiqwalasela amazulu owenzileyo, inyanga, neenkwenkwezi ezidalwe nguwe, ngubani yena umntu, le nto umkhumbulelayo, engubani yena unyana womntu, le nto umkhathalelayo? Ngaphezu koko umenze wanganeno kancinane nje kuwe, Thixo; umthe jize ngesihomo nesithozela. Umnike igunya kuyo yonke indalo yakho, wazibeka phantsi kwegunya lakhe zonk' izinto: iinkomo neegusha, kwanazo neenyamakazi; iintaka eziphaphazelayo, neentlanzi, nayo yonke into ephithizela elwandle. Hayi ukubaluleka kwalo igama lakho ehlabathini liphela, Ndikhoyo, Nkosi yethu!
Funda IINDUMISO 8
Share
Compare All Versions: IINDUMISO 8:1-9
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos