IINDUMISO 8:1-9
IINDUMISO 8:1-9 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Yehova, Nkosi yethu, Hayi, ubungangamsha begama lakho ehlabathini lonke! Wena uwambathise amazulu ngendili yakho. Emlonyeni wabantwana nabanyáyo useké amandla, Ngenxa yababandezeli bakho, Ukuze udambise utshaba nophindezelayo. Xa ndilikhangelayo izulu lakho, umsebenzi weminwe yakho, Inyanga neenkwenkwezi ozimisileyo: Uyintoni na umntu lo, le nto umkhumbulelayo? Unyana womntu, le nto umvelelayo? Umsilelise kancinane ebuThixweni, Wamthi jize ngobuqaqawuli nangobungangamela. Umphathisé ubukhosi phezu kwemisebenzi yezandla zakho, Zonke izinto ùzibeke phantsi kweenyawo zakhe: Impahla emfutshane, neenkomo zonke ziphelele, Kwaneenyamakazi zonke; Iintaka zezulu, neentlanzi zolwandle, Into ehamba ngeendlela zolwandle. Yehova, Nkosi yethu, Hayi, ubungangamsha begama lakho ehlabathini lonke!
IINDUMISO 8:1-9 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kumvumi waseGiti, Ingoma kaDavide umise ubuqaqawuli bakho ngaphezu kwezulu. Emlonyeni wabantwana nabanyayo unike amandla ngenxa yeentshaba zakho, Ukuze udambise utshaba nomphindezeli. Ndalibona izulu lakho, umsebenzi weminwe yakho, inyanga neenkwenkwezi ozicebileyo; Uyintoni na umntu, ukuba uthe wamkhumbula? Unyana womntu, womvelela nini na? Ngokuba umhlise kancinane kunezithunywa zezulu, wamthwesa uzuko nembeko. Ummisile ukuba alawule izenzo zezandla zakho; Zonke izinto uzibeke phantsi kweenyawo zakhe; Yonke impahla emfutshane, neenkomo zonke, ewe, namarhamncwa asendle; Iintaka zezulu, neentlanzi zolwandle, nento yonke edlula ngeendlela zolwandle. Yehova, Nkosi yethu, hayi indlela elizuke ngayo igama lakho ehlabathini lonke!

IINDUMISO 8:1-9 IBHAYIBHILE (XHO96)
*Ndikhoyo, Nkosi yethu, hayi ukubaluleka kwegama lakho ehlabathini! Wena uqaqambisa amazulu ngesithozela sakho, nditsho abantwana kwaneentsana ziyakubonga, nto leyo ibamisela umqobo abachasi wokuvalela utshaba kwanomphindezeli. Xa ndiqwalasela amazulu owenzileyo, inyanga, neenkwenkwezi ezidalwe nguwe, ngubani yena umntu, le nto umkhumbulelayo, engubani yena unyana womntu, le nto umkhathalelayo? Ngaphezu koko umenze wanganeno kancinane nje kuwe, Thixo; umthe jize ngesihomo nesithozela. Umnike igunya kuyo yonke indalo yakho, wazibeka phantsi kwegunya lakhe zonk' izinto: iinkomo neegusha, kwanazo neenyamakazi; iintaka eziphaphazelayo, neentlanzi, nayo yonke into ephithizela elwandle. Hayi ukubaluleka kwalo igama lakho ehlabathini liphela, Ndikhoyo, Nkosi yethu!
IINDUMISO 8:1-9 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kumvumi waseGiti, Ingoma kaDavide umise ubuqaqawuli bakho ngaphezu kwezulu. Emlonyeni wabantwana nabanyayo unike amandla ngenxa yeentshaba zakho, Ukuze udambise utshaba nomphindezeli. Ndalibona izulu lakho, umsebenzi weminwe yakho, inyanga neenkwenkwezi ozicebileyo; Uyintoni na umntu, ukuba uthe wamkhumbula? Unyana womntu, womvelela nini na? Ngokuba umhlise kancinane kunezithunywa zezulu, wamthwesa uzuko nembeko. Ummisile ukuba alawule izenzo zezandla zakho; Zonke izinto uzibeke phantsi kweenyawo zakhe; Yonke impahla emfutshane, neenkomo zonke, ewe, namarhamncwa asendle; Iintaka zezulu, neentlanzi zolwandle, nento yonke edlula ngeendlela zolwandle. Yehova, Nkosi yethu, hayi indlela elizuke ngayo igama lakho ehlabathini lonke!
IINDUMISO 8:1-9 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
YEHOVA, NKOSI yetu! hai ubungcwalisa begama lako emhlabeni wonke! wena ububekileyo pezu kwezulu ubukulu bako. Kwa semlonyeni wentsana nabanyayo umsile udumiso, ngenxa yabalane bako, ukuze upezise utshaba nopindezelayo. Ndindakukangela izulu lako, umsebenzi weminwe yako, inyanga nenkwenkwezi ozilungisileyo; uyinina umntu, lento umkumbulayo? kwa nonyana woluntu, lento umnonelelayo? Ngokuba umenzile abe ngapantsi kancinane kuzo ingelosi; umpahlile ngobungcwalisa nangodumo. Umpatisile ubukosi pezu kwemisebenzi yezandla zako; zonke izinto uzibekile pantsi kwenyawo zake: igusha nenkabi zonke; kwa nezilo zezindle; intaka zezulu, nentlanzi zolwandle; nento edlulayo ezindleleni zolwandle. YEHOVA, NKOSI yetu! hai ubungcwalisa begama lako emhlabeni wonke!