Dumani nithi: “Bayethe, Mhlekazi!” Kaloku yinto entle ukumemelela, sibonge uThixo wethu; ewe, luyolo, kwaye kufanelekile ukumdumisa. *NguNdikhoyo umakhi weJerusalem, umqokeleli weembacu zakwaSirayeli, umnyangi wabantliziyo zenzakeleyo, ewe, umbophi wamanxeba abo. Ngumqingqi wenani leenkwenkwezi; iyileyo naleyo kuzo uyibiza ngegama layo. Hay' ubukhulu bukaNdikhoyo, uyingangalala ngamandla! Ubulumko bakhe abunamda. UNdikhoyo uyabaphakamisa abagqush' eluthulini; ke bona abakhohlakeleyo ubakhahlela phantsi. Hlabelani nimombelele uNdikhoyo nibulela; tsholozani niculele uThixo wethu ngezeengcingo – umtwabululi wamafu afihl' isibhakabhaka, nguye owabela umhlaba imvula, ulontshulis' ingca ezintabeni, umondli wezilwanyana ngokutya kwazo, umfunzeli wamathol' ehlungulu azibikayo. Yena akakuhoye nganto ukukhalipha kwehashe, engabukhathalele nobungwanyalala bezitho zendoda, koko yena uNdikhoyo uthanda abamhlonelayo, abo bakholosa ngezibele zakhe ezingatshitshiyo.
Funda IINDUMISO 147
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: IINDUMISO 147:1-11
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo