Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

IINDUMISO 119:25-40

IINDUMISO 119:25-40 XHO96

Awu, ndiphelelwe, ndiyimvuthuluka; ndihlaziye ngokwesithembiso sakho. Undivile ndakuzandlala; nceda undifundise imithetho yakho. Ndifundise amasolotya emimiselo yakho, khon' ukuze ndicamngce ngemimangaliso yakho. Iinzingo ziwuvikivile umoya wam; khawundomeleze ngokwelizwi lakho. Ndihlangule kuyo inkohliso; ewe, ndibabale undifundise imiyalelo yakho. Ndenze isigqibo sokuba ndinyaniseke; ndizimisele ukusithobela isigwebo sakho. Ndinamathele kwizithethe zakho, *Ndikhoyo, ngoko ke mandingaphoxeki. Ndiya kuhamba ngokwemiqathango yakho, kuba wena uyivulile ingqiqo yam. Awu, *Ndikhoyo, ndifundise imithetho yakho, ukuze ndihlale ndiyithobela maxa onke. Ndivule ingqondo, ndiwuthobele umyalelo wakho; ndiya kuwulandela ngomxhelo wam wonke. Ndikhokele ngeziyalo zakho, kuba zona ziligugu lam. Intliziyo yam mayinxanele imfundiso yakho ndaweni yokusukelana nenzuzo yobuqhophololo. Ndincede ndingalibali zizinto eziphuthileyo; mandiphile ngokwenza ukuthanda kwakho. Idinga lakho malifezekiswe kum, mna sicaka sakho; kaloku lelâbo bakuthobelayo. Ndihlangule ezenyelisweni, kuba ndiyazoyika; ke zona izigqibo zakho zifezekile. Ewe, andiziva ngemimiselo yakho; ndihlaziye ngobulungisa bakho.