IZAFOBE 9:1-6

IZAFOBE 9:1-6 XHO96

Ubulumko buyakhile indlu yabo, bayenzela iintsika ezisixhenxe. Ubulumko buxhelile, bayixuba newayini; kwaye netafile sebuyidekile. Buthume izicakazana ukuba zime ezindulini, zazise apho edolophini, zithi: “Yizani nonke, nina bangaqondiyo.” Kanti ke kwabaswele ukuqonda buthi: “Ngenani nitye ukutya endikulungisileyo, nisele newayini endiyixubileyo. Lahlani ubuyatha, khon' ukuze niphile; hambani ngendlela yeengqondi.