Wabazele iindlebe uwaphulaphule amazwi ezilumko, imfundiso yam uyibethelele entliziyweni yakho. Kaloku kumnandi xa unawo engqondweni yakho, ube nako ukumana ucaphula kuwo ungathintilizi. Ndikwazisa wona ke namhlanje, ukuze wena kanye ube nako ukukholosa *ngoNdikhoyo. Ngoko ke nazi iingongoma endikubhalele zona zimashumi mathathu, ziqulethe ubulumko namacebiso. Ezi ngongoma ziya kukunceda ukwazi ukuyicalula inyaniso, utsho ukwazi ukunika ingxelo enyanisekileyo xa uthunyiwe. Musa ukuthi kuba umntu elihlwempu umxhaphaze; futhi sukumcinezela umntu ohlelelekileyo xa esematyaleni. Kaloku uNdikhoyo ngokwakhe uya kuba ngummeli wabo, abaphange abo babaphangayo. Musa ukuhlobana nomntu onephuku; sukuhambisana nonkom' iyahlaba. Kaloku xa usenjenjalo uya kugcayiseleka, nawe uzibhaqe sesikusulele eso simo sakhe. Sukuyenza into yokubamba isandla ubhambathisa, umele ityala lomnye umntu. Kaloku xa ungasenako ukuhlawula uya kuthinjwa wohluthwe nditsho kwanebhedi olala kuyo. Ungaze uwugudlule umlima-ndlela wakudala owamiswa ngookhokho bakho. Ungazibonela ngokwakho: umntu olichule emsebenzini usebenzela ukumkani, akasoze asebenzele abantu abangenagama.
Funda IZAFOBE 22
Share
Compare All Versions: IZAFOBE 22:17-29
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos