IMIZEKELISO 22:17-29
IMIZEKELISO 22:17-29 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Thoba indlebe yakho, uve amazwi ezilumko, Uyibhekise intliziyo yakho ekwazini kwam. Ngokuba kumnandi, xa uthe wawagcina embilinini; Makeme onke ephelele emlonyeni wakho. Ukuze ùkholose ngoYehova, Ndikwazisile namhla wena lo. Andikubhalelanga na iintetho eziyintloko, Ezineengcebiso nokwazi, Ukuze ndikwazise isilinganiselo samazwi enyaniso, Ukuze ubuye kwabakuthumileyo, uze namazwi ayinyaniso? Musa ukusihlutha isisweli ngakuba sisisweli, Ungamtyumzi olusizana esangweni; Kuba uYehova eya kubambana nababambene nabo, Awonakalise umphefumlo wabonákalisa bona. Musa ukuqhelana nomntu onomsindo, Ungahambi nendoda enobushushu, Hleze ufunde iindlela zayo, Urhintyelise umphefumlo wakho. Musa ukuba phakathi kwababambana nomnye ngesandla, Phakathi kwabamela into ebolekiweyo. Ukuba ùthe akwaba nanto yakuhlawula, Yini na ukuba athabathe ukhuko lwakho phantsi kwakho? Musa ukuwushenxisa umlimandlela wakudala, Abawenzáyo ooyihlo. Ùyayibona indoda eyinkunkqele eshishinini layo? Inokuma phambi kokumkani; Ayinakuma phambi kwabantu abangenagama.

IMIZEKELISO 22:17-29 IBHAYIBHILE (XHO96)
Wabazele iindlebe uwaphulaphule amazwi ezilumko, imfundiso yam uyibethelele entliziyweni yakho. Kaloku kumnandi xa unawo engqondweni yakho, ube nako ukumana ucaphula kuwo ungathintilizi. Ndikwazisa wona ke namhlanje, ukuze wena kanye ube nako ukukholosa *ngoNdikhoyo. Ngoko ke nazi iingongoma endikubhalele zona zimashumi mathathu, ziqulethe ubulumko namacebiso. Ezi ngongoma ziya kukunceda ukwazi ukuyicalula inyaniso, utsho ukwazi ukunika ingxelo enyanisekileyo xa uthunyiwe. Musa ukuthi kuba umntu elihlwempu umxhaphaze; futhi sukumcinezela umntu ohlelelekileyo xa esematyaleni. Kaloku uNdikhoyo ngokwakhe uya kuba ngummeli wabo, abaphange abo babaphangayo. Musa ukuhlobana nomntu onephuku; sukuhambisana nonkom' iyahlaba. Kaloku xa usenjenjalo uya kugcayiseleka, nawe uzibhaqe sesikusulele eso simo sakhe. Sukuyenza into yokubamba isandla ubhambathisa, umele ityala lomnye umntu. Kaloku xa ungasenako ukuhlawula uya kuthinjwa wohluthwe nditsho kwanebhedi olala kuyo. Ungaze uwugudlule umlima-ndlela wakudala owamiswa ngookhokho bakho. Ungazibonela ngokwakho: umntu olichule emsebenzini usebenzela ukumkani, akasoze asebenzele abantu abangenagama.
IMIZEKELISO 22:17-29 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Thoba indlebe yakho, uve amazwi ezilumko, Uyibhekise intliziyo yakho ekwazini kwam. Ngokuba kumnandi, xa uthe wawagcina embilinini; ziya kuwufanela umlomo wakho. Ukuze ithemba lakho likuYehova, ndikwazisile namhlanje. Andinibhalelanga na izinto ezimangalisayo, ezinamacebo nokwazi? Ndiya kwazisa inyaniso yamazwi enyaniso; Ukuba uphendule amazwi enyaniso, ubaphendule abo bakuthumayo? Musa ukusihlutha isisweli, ngokuba lilihlwempu; uze ungawacinezeli amahlwempu emnyango. Ngenxa yokuba uYehova uya kubamela aze awutshabalalise umphefumlo wabo baphangayo. Musani ukunxulumana nomntu onomsindo; kwaye ungahambi nomntu onomsindo. Hleze ungazifundi iindlela zayo, Uwufumanele umgibe umphefumlo wakho. Musa ukuba phakathi kwabaqhwabayo, Ozibambisayo ngezinto ezibolekiweyo. Ukuba uthe akwaba nanto yakuhlawula, Yini na ukuba athabathe ukhuko lwakho phantsi kwakho? Musa ukuwususa umda omdala, abawumisayo ooyihlo; Uyambona na umntu okhutheleyo? uya kuma phambi kookumkani; akanakuma phambi kongendawo.
IMIZEKELISO 22:17-29 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
TOBA indlebe yako, uve amazwi abalumkileyo, ubekele intliziyo yako ekwazini kwam. Ngokuba kuyinto emnandi, nxa uwagcina embilini wako; nxa aya kulungiselelwa kunye emlonyeni wako. Ukuze itemba lako libe kuye UYEHOVA, ndikwazisile wona namhla nje, ewe, wena. Andikuba̔lelanga na ngapambili, ngawo amacebo nokwazi, ukuze ndikwazise inene yamazwi enyaniso; ukuba uyenze impendulo ngamazwi enyaniso kubo abakutumayo? Ungadli ihlwempu, ngenxa yokuba lilihlwempu; kanjalo ungamncinezeli obandezelweyo esangweni; ngokuba UYEHOVA eya kutetelela ityala labo, abapange abo bapange bona ubomi. Ungadlelani nomntu onomsindo; kanjalo ungahambi nomntu ojalayo; hleze uqele imikwa yake, uze uṙintyele umpefumlo wako. Ungabi nababambana izandla, nababambela amatyala. Ukuba akunanto yokuhlaula, kuyinina ukuba akuhlute uku̔ko lwako ngapantsi kwako? Musa ukushenxisa umlimandlela wakudala, lowo bawenzayo oyihlo bako. Uyabona na umntu okuteleyo emsebenzini wake? uya kuma ebusweni bokumkani; akayi kuma ebusweni babamnyama.