EYASENTLANGO 2
2
AmaSirayeli ngezindlu zawo
1Nantsi imiyalelo eyanikwa uMosis noAron *nguNdikhoyo: 2“Kolu hambo lwenu apho nimisa khona hlalani ngolu hlobo: Indoda nganye mayime kummandla wembasa yakowayo phantsi kwentshinga kayise. Ukuma kwawo amaSirayeli makajikeleze isibingelelo.
3-9“Kwicala lasempuma kuya kuma abembasa yendlu kaJuda ngokwemizi yabo, bephantsi kweenkulu zabo, ngolu hlobo:
Indlu | Inkulu | Inani |
---|---|---|
AbakwaJuda | uNashon ka-Aminadabhi | 74 600 |
AbakwaIsakare | uNataniyeli kaZuware | 54 400 |
AbakwaZebhulon | uEliyabhi kaHelon | 57 400 |
Bebonke: | 186 400 |
“AbakwaJuda ke baya kusuka kuqala.
10-16“Kwicala langasezantsi kuya kuma abembasa yendlu kaRubhen ngokwemizi yabo, bephantsi kweenkulu zabo, ngolu hlobo:
Indlu | Inkulu | Inani |
---|---|---|
AbakwaRubhen | uElizure kaShedeyure | 46 500 |
AbakwaSimon | uShelumiyeli kaZurishadayi | 59 300 |
AbakwaGadi | uEliyasafu kaDuweli | 45 650 |
Bebonke: | 151 450 |
“AbakwaRubhen ke baya kulandela.
17“Ke bona abakwaLevi baya kuhamba bephethe intente *yesibingelelo. Baya kuhamba phakathi embindini wezi zindlu xa zizonke. Onke amaqela aya kuhamba kwangalaa ndlela abemi ngayo, iqela ngalinye phantsi kwembasa yalo.
18-24“Kwicala lasentshona kuya kuma abembasa yendlu kaEfrayim ngokwemizi yabo, bephantsi kweenkulu zabo, ngolu hlobo:
Indlu | Inkulu | Inani |
---|---|---|
AbakwaEfrayim | uElishama ka-Amihudi | 40 500 |
AbakwaManase | uGamaliyeli kaPedazure | 32 200 |
AbakwaBhenjamin | uAbhidan kaGidiyoni | 35 400 |
Bebonke: | 108 100 |
“Kolo ludwe ke abakwaEfrayim boba ngabesithathu.
25-31“Kwicala langasentla kuya kuma abembasa yendlu kaDan ngokwemizi yabo, bephantsi kweenkulu zabo, ngolu hlobo:
Indlu | Inkulu | Inani |
---|---|---|
AbakwaDan | uAhizere ka-Amishadayi | 62 700 |
Abakwa-Ashere | uPagiyeli kaOkran | 41 500 |
AbakwaNafetali | uAhira kaEnan | 53 400 |
Bebonke: | 157 600 |
“Kolu ludwe ke bona abakwaDan baya kuba ngumsila.”
32Lilonke ke inani lamaSirayeli âbhalisáyo apho kuloo maqela laba ngamakhulu amathandathu anantathu amawaka anamakhulu amahlanu namashumi amahlanu. 33Ngokomlomo kaNdikhoyo kuMosis bona abaLevi abakho kweli nani lamaSirayeli.
34Ngoko ke amaSirayeli yonke into ayenza ngokwelizwi likaNdikhoyo kuMosis. Ayesima ngokweembasa zawo, aze ahambe ngokwemizi yawo.
Currently Selected:
EYASENTLANGO 2: XHO96
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1996. Used with permission. All rights reserved.