EYASENTLANGO 1
1
Ubalo lokuqala eSinayi
1Ke kaloku kwathi amaSirayeli eselapho kwintlango yeSinayi *uNdikhoyo wathetha noMosis *esesibingelelweni. Lo ke yayingumhla wokuqala wenyanga yesibini kunyaka wesibini amaSirayeli andulukayo eJiputa. Wamyalela wenjenje: 2-3“Wena noAron yenzani ubalo, niwabale onke amaSirayeli ngokwezindlu nemizi yawo. Ewe, balani onke amadoda ayintanga yokuphuma aye emfazweni, oko kukuthi lawo akumashumi amabini eminyaka nangaphezulu. 4Kwindlu nganye thathani inkulu inincedise.”
5-15Nanga ke amagama ezo nkulu zakhethelwa lo msebenzi:
Indlu | Inkulu |
---|---|
KwaRubhen | uElizure kaShedeyure |
KwaSimon | uShelumiyeli kaZurishadayi |
KwaJuda | uNashon ka-Aminadabhi |
KwaIsakare | uNataniyeli kaZuware |
KwaZebhulon | uEliyabhi kaHelon |
KwaEfrayim (kaJosefu) | uElishama ka-Amihudi |
KwaManase (kaJosefu) | uGamaliyeli kaPedazure |
KwaBhenjamin | uAbhidan kaGidiyoni |
KwaDan | uAhiyezere ka-Amishadayi |
Kwa-Ashere | uPagiyeli kaOkran |
KwaGadi | uEliyasafu kaDuweli |
KwaNafetali | uAhira kaEnan |
16Ngawo ke la amadoda âkhethwáyo ebandleni beziinkulu zezindlu zakowawo, izindlu zakwaSirayeli ukutsho.
17UMosis noAron ke benala madoda 18bawaqokelela onke amaSirayeli ngomhla wokuqala kwinyanga yesibini, baza bawabala ngokwezindlu nemizi yawo. Bawabhalisa bawabala onke amadoda akumashumi amabini eminyaka nangaphezulu 19ngokomlomo kaNdikhoyo kuMosis. Le nto ke yenzeka kwintlango yeSinayi. 20-46Ke kaloku onke amadoda ayintanga yokuya emfazweni, lawo aneminyaka emashumi mabini nangaphezulu, abhaliswa ngokwezindlu nemizi yawo, kuqalelwa kwaRubhen inkulu kaSirayeli.
Ngokwamanani kwindlu nganye ayemi ngolu hlobo:
Indlu | Inani |
---|---|
KwaRubhen | 46 500 |
KwaSimon | 59 300 |
KwaGadi | 45 650 |
KwaJuda | 74 600 |
KwaIsakare | 54 400 |
KwaZebhulon | 57 400 |
KwaEfrayim kaJosefu | 40 500 |
KwaManase kaJosefu | 32 200 |
KwaBhenjamin | 35 400 |
KwaDan | 62 700 |
Kwa-Ashere | 41 500 |
KwaNafetali | 53 400 |
Bebonke: | 603 550 |
47Yona indlu yakwaLevi zange ibalwe, 48kuba uNdikhoyo wayemyalile uMosis wathi: 49“Xa ubala amadoda afanele imfazwe uze ungababandakanyi abaLevi. 50Ndaweni yaloo nto bona uze ubamisele umsebenzi wesibingelelo. Kuya kuxhomekeka kubo ukufuduswa kwesibingelelo ndawonye nomsebenzi waso. Futhi ke apho simise khona siya kungqongwa kwangabo. 51Nanini na nifuduka, isibingelelo sona siya kuxhomekeka kubaLevi. Ngabo abaya kusichitha xa nindulukayo, baze baphinde basakhe apho nimise khona. Ngoko ke umntu ongomnye osondela esibingelelweni makabulawe. 52Amanye amaSirayeli la aya kuma ngokwezindlu zawo, amathile ephantsi kwembasa yawo. 53Ke bona abaLevi ukuma kwabo baya kuphahla isibingelelo esiqulethe ubungqina bomnqophiso, basaluse, khon' ukuze kungabikho bani usondelayo kuso, avusele amaSirayeli umsindo wam.” 54Ngenene ke amaSirayeli enza ngokomyalelo kaNdikhoyo kuMosis.
Currently Selected:
EYASENTLANGO 1: XHO96
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1996. Used with permission. All rights reserved.