Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UMARKO 10:32-52

UMARKO 10:32-52 XHO96

Ke kaloku babesendleleni, benyuka besiya eJerusalem, uYesu ehamba ngaphambili. Abafundi bakhe babemangalisiwe; abo bamlandelayo besoyika. Waphinda wabathatha abafundi abalishumi elinambini, waza wabaxelela izinto eziza kumhlela, esithi: “Niyabona, siyenyuka, siya eJerusalem, apho *uNyana woLuntu aya kunikelwa khona kubabingeleli abaziintloko, nakubachazi-mthetho. Baya kumgwebela ukufa, bamnikele kwabasemzini. Bona ke baya kumenza intlekisa, bamtshicele, bamkatse, bambulale; aze athi ngomhla wesithathu abuye avuke.” Ke kaloku uYakobi noYohane, oonyana bakaZebhedi, beza kuYesu, bathi: “Mfundisi, sifuna ukuba usenzele oko sothi sikucele kuwe.” Wathi kubo: “Nifuna ukuba ndinenzele ntoni na?” Bathi bona kuye: “Sicela ukuba usinike ezona zikhundla ziphezulu xa usewongeni.” Wathi kubo uYesu: “Aniyazi into eniyicelayo. Ninako na ukuyisela indebe endiyiselayo mna, nibhaptizwe ngobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna?” Bathi ke bona kuye: “Sinako.” Wathi ke uYesu kubo: “Okunene intlungu endiyivayo mna niya kuyiva nani, nobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna niya kubhaptizwa kwangalo; kodwa kona ukwaba izikhundla akulolungelo lam. Ezo zikhundla zezâbo bazilungiselelweyo nguThixo.” Bakuyiva le nto ithethwa nguYakobi noYohane, abanye abafundi abalishumi bakhathazeka. UYesu ke, ebabizele kuye, wathi kubo: “Niyazi ukuba ezintlangeni abo bathi bayalawula banobukhosi kuzo; nâbo bazizikhulu zazo benza ngegunya kuzo. Kodwa ke akunjalo phakathi kwenu. Ofuna ukuba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumkhonzi wenu; nofuna ukuba ngowokuqala, makabe sisicaka sabo bonke. Kuba kaloku *noNyana woLuntu akezanga kukhonzwa, weza kukhonza, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.” Bafika ke eJeriko. Xa uYesu nabafundi bakhe nesihlwele esikhulu babephuma apho eJeriko, unyana kaTimeyu, uBhartimeyu, imfama, wayehleli ngasendleleni engqiba. Wathi ke akuva ukuba nguYesu waseNazarete, wadanduluka esithi: “Yesu, Nyana kaDavide, ndenzele inceba!” Abaninzi babemkhalimela besithi makathi tu, kodwa kwaba kokukhona wadandulukayo ngakumbi esithi: “Nyana kaDavide, ndenzele inceba!” Wema uYesu, wathi: “Mbizeni.” Bayibiza imfama, besithi kuyo: “Yomelela; phakama; úyakubiza.” Ithe ke imfama, ilahle ingubo yayo, yaphakama, yeza kuYesu. UYesu wathi kuyo: “Ufuna ukuba ndikwenzele ntoni na?” Yathi kuye imfama: “Nkosi yam, ndifuna ukuba ndibone.” Wathi kuyo uYesu: “Hamba uhambe; ukholo lwakho lukuphilisile.” Yabona ke kwangoko, yamlandela uYesu endleleni apho.