UMARKO 10:32-52
UMARKO 10:32-52 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku babesendleleni, benyuka besiya eYerusalem; waye uYesu ehamba phambi kwabo; baye bethe qhiphu umbilini, balandela besoyika. Wabuya wabathabatha abalishumi elinababini waqala ukubaxelela izinto eziza kumhlela, esithi, Niyabona, siyenyuka siya eYerusalem; waye uNyana woMntu eya kunikelwa kubabingeleli abakhulu, nakubabhali; baya kumgweba ukuba afe, bamnikele kuzo iintlanga. Ziya kudlala ngaye, zimtyakatye, zimtshicele, zimbulale; aze athi ngomhla wesithathu abuye avuke. Kuthi kuze kuye uYakobi noYohane, oonyana bakaZebhedi, besithi, Mfundisi, sithanda ukuba usenzele into esothi siyicele. Wathi ke yena kubo, Nithanda ukuba ndinenzele ntoni na? Bathi ke bona kuye, Siphe ukuhlala, omnye ngasekunene kwakho, nomnye ngasekhohlo kwakho, ebuqaqawulini bakho. Wathi ke uYesu kubo, Aniyazi into eniyicelayo: ninako na ukuyisela indebe endiyiselayo mna, nibhaptizwe ngobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna? Bathi ke bona kuye, Sinako. Wathi ke uYesu kubo, Okunene indebe endiyiselayo mna, niya kuyisela; nobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna, niya kubhaptizwa kwangalo; kodwa kona ukuhlala ngasekunene kwam nangasekhohlo kwam, asikwam ukupha ngako, ngaphandle kokupha abo kulungiselwe bona. Bevile abalishumi, baqala ukubacaphukela ooYakobi noYohane. Ke kaloku, uYesu ebabizele kuye, uthi kubo, Niyazi ukuba abo kuthiwa balawula iintlanga, bayazigagamela; nabo bazizikhulu zazo benza ngegunya kuzo. Ze kungabi njalo ke phakathi kwenu nina; osukuba efuna ukuba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumlungiseleli wenu; nosukuba efuna ukuba ngowokuqala, makabe ngumkhonzi wabo bonke; kuba noNyana woMntu engezanga kulungiselelwa; weza kulungiselela, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi. Baza kufika eYeriko. Ekuphumeni kwakhe eYeriko apho, nabafundi bakhe nendimbane elingeneyo, unyana kaTimeyu, uBhartimeyu, imfama, waye ehleli ngasendleleni engqiba. Wathi akuva ukuba nguYesu waseNazarete, waqala ukudanduluka wathi, Yesu nyana kaDavide, ndenzele inceba. Baye abaninzi bemkhalimela ukuba athi tu; kwaba kokukhona ke wadandulukayo ngakumbi, esithi, Nyana kaDavide, ndenzele inceba. Wema uYesu wathi, Makabizwe. Bayibiza ke imfama, besithi kuyo, Yomelela, suk' ume; úyakubiza. Ithe ke yona, ilahlé ingubo yayo, yesuka yeza kuYesu. Aphendule athi kuyo uYesu, Uthanda ukuba ndikwenzele ntoni na? Yathi ke imfama kuye, Rabhoni,• ndithanda ukuba ndibone. Wathi ke uYesu kuyo, Hamba uhambe; ukholo lwakho lukusindisile. Yabona kwaoko, yamlandela uYesu endleleni apho.
UMARKO 10:32-52 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ke kaloku babesendleleni, benyuka besiya eJerusalem, uYesu ehamba ngaphambili. Abafundi bakhe babemangalisiwe; abo bamlandelayo besoyika. Waphinda wabathatha abafundi abalishumi elinambini, waza wabaxelela izinto eziza kumhlela, esithi: “Niyabona, siyenyuka, siya eJerusalem, apho *uNyana woLuntu aya kunikelwa khona kubabingeleli abaziintloko, nakubachazi-mthetho. Baya kumgwebela ukufa, bamnikele kwabasemzini. Bona ke baya kumenza intlekisa, bamtshicele, bamkatse, bambulale; aze athi ngomhla wesithathu abuye avuke.” Ke kaloku uYakobi noYohane, oonyana bakaZebhedi, beza kuYesu, bathi: “Mfundisi, sifuna ukuba usenzele oko sothi sikucele kuwe.” Wathi kubo: “Nifuna ukuba ndinenzele ntoni na?” Bathi bona kuye: “Sicela ukuba usinike ezona zikhundla ziphezulu xa usewongeni.” Wathi kubo uYesu: “Aniyazi into eniyicelayo. Ninako na ukuyisela indebe endiyiselayo mna, nibhaptizwe ngobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna?” Bathi ke bona kuye: “Sinako.” Wathi ke uYesu kubo: “Okunene intlungu endiyivayo mna niya kuyiva nani, nobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna niya kubhaptizwa kwangalo; kodwa kona ukwaba izikhundla akulolungelo lam. Ezo zikhundla zezâbo bazilungiselelweyo nguThixo.” Bakuyiva le nto ithethwa nguYakobi noYohane, abanye abafundi abalishumi bakhathazeka. UYesu ke, ebabizele kuye, wathi kubo: “Niyazi ukuba ezintlangeni abo bathi bayalawula banobukhosi kuzo; nâbo bazizikhulu zazo benza ngegunya kuzo. Kodwa ke akunjalo phakathi kwenu. Ofuna ukuba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumkhonzi wenu; nofuna ukuba ngowokuqala, makabe sisicaka sabo bonke. Kuba kaloku *noNyana woLuntu akezanga kukhonzwa, weza kukhonza, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.” Bafika ke eJeriko. Xa uYesu nabafundi bakhe nesihlwele esikhulu babephuma apho eJeriko, unyana kaTimeyu, uBhartimeyu, imfama, wayehleli ngasendleleni engqiba. Wathi ke akuva ukuba nguYesu waseNazarete, wadanduluka esithi: “Yesu, Nyana kaDavide, ndenzele inceba!” Abaninzi babemkhalimela besithi makathi tu, kodwa kwaba kokukhona wadandulukayo ngakumbi esithi: “Nyana kaDavide, ndenzele inceba!” Wema uYesu, wathi: “Mbizeni.” Bayibiza imfama, besithi kuyo: “Yomelela; phakama; úyakubiza.” Ithe ke imfama, ilahle ingubo yayo, yaphakama, yeza kuYesu. UYesu wathi kuyo: “Ufuna ukuba ndikwenzele ntoni na?” Yathi kuye imfama: “Nkosi yam, ndifuna ukuba ndibone.” Wathi kuyo uYesu: “Hamba uhambe; ukholo lwakho lukuphilisile.” Yabona ke kwangoko, yamlandela uYesu endleleni apho.
UMARKO 10:32-52 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku babesendleleni, benyuka besiya eYerusalem; waye uYesu ehamba phambi kwabo. Bathi nqa; Bakulandela ke boyika. Wabuya wabathabatha abalishumi elinababini waqala ukubaxelela izinto eziza kumhlela, besithi, Niyabona, siyenyuka, siya eYerusalem; waye uNyana woMntu eya kunikelwa kubabingeleli abakhulu, nakubabhali; baya kumgweba ukuba afe, bamnikele kuzo iintlanga; Ziya kudlala ngaye, zimtyakatye, zimtshicele, zimbulale, athi ngomhla wesithathu abuye avuke. Kuthi kuze kuye uYakobi noYohane, oonyana bakaZebhedi, besithi, Mfundisi, sithanda ukuba usenzele into esothi siyicele. Wathi ke yena kubo, Nithanda ukuba ndinenzele ntoni na? Bathe ke bona kuye, Siphe ukuhlala, omnye ngasekunene kwakho, nomnye ngasekhohlo kwakho, ebuqaqawulini bakho. Wathi ke uYesu kubo, Aniyazi into eniyicelayo; ninako na ukuyisela indebe endiyiselayo mna? nibhaptizwe ngobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna? Bathi ke bona kuye, Sinako. Wathi ke uYesu kubo, Okunene indebe endiyiselayo mna, niya kuyisela; nobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna, niya kubhaptizwa kwangalo; Kodwa kona ukuhlala ngasekunene kwam nangasekhohlo kwam, asikwam ukupha ngako; kodwa kuya kunikwa abo kulungiselwe bona. Bevile abalishumi, baqala ukubacaphukela ooYakobi noYohane. Ke kaloku, uYesu ebabizele kuye, uthi kubo, Niyazi ukuba abo kuthiwa balawula iintlanga, banobukhosi kuzo; nabo bazizikhulu zazo benza ngegunya kuzo. Ze kungabi njalo ke phakathi kwenu; osukuba enga angaba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumlungiseleli wenu; nosukuba efuna ukuba ngowokuqala, makabe ngumkhonzi wabo bonke; Kuba noNyana woMntu engezanga kulungiselelwa; weza kulungiselela, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi. Baza kufika eYeriko. Ekuphumeni kwakhe eYeriko apho, nabafundi bakhe nendimbane elingeneyo, unyana kaTimeyu, uBhartimeyu, imfama, waye ehleli ngasendleleni engqiba. Wathi akuva ukuba nguYesu waseNazarete, waqala ukudanduluka wathi, Yesu nyana kaDavide, ndenzele inceba. Baye abaninzi bemkhalimela ukuba athi tu; kwaba kokukhona ke wadandulukayo ngakumbi, esithi, Nyana kaDavide, ndenzele inceba. Wema uYesu, wathi makabizwe. Bayibiza ke imfama, besithi kuyo, Yomelela, suk’ ume; uyakubiza. Ithe ke yona, ilahle ingubo yayo, yesuka yeza kuYesu. Aphendule athi kuyo uYesu, Uthanda ukuba ndikwenzele ntoni na? Yathi ke imfama kuye, Nkosi, ukuba ndibuye ndibone. Wathi kuyo uYesu, Hamba uhambe; ukholo lwakho lukusindisile. Yabuya yabona kwaoko, yamlandela uYesu endleleni apho.
UMARKO 10:32-52 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
KEKALOKU bebesendleleni benyukela e‐Yerusaleme: waye u‐Yesu ebehamba pambili kubo; baza bati nqa, bati belandela boyika. Wabuya watabatela kuye abalishumi linababini, waqala ukubaxelela izinto eziza kumhlela, esiti: Bona ke, siyanyukela e‐Yerusaleme, waeya kuti unyana wesintu anikelwe kubaperisite abakulu nakubaba̔li, abaya kumgweba ukuba afe, bamnikele kubaheyideni; babeya kumhleka, bambete, bamtshicele, bambulale; woti ngomhla wesitatu abuye avuke. Baza basondela kuye u‐Yakobi no‐Johane onyana baka‐Zebedi, besiti: Mfundisi! singa ungasenzela into esukuba sicela yona. Wayesiti kubo: Ninga ndinganenzela nto nina? Baye besiti kuye: Sipe okokuba sihlale, omnye abe ngasekunene kuwe, omnye abe ngasekohlo kuwe, ebungcwaliseni bako. Koko u‐Yesu wati kubo: Aniyazi into eniyicelayo. Ningasela na endebeni endisela kuyo mna? nobapitizesho endibapitizeshwa ngalo mna, ningabapitizeshwa ngalo na? Baye besiti kuye: Singenje njalo. Wati ke u‐Yesu kubo: Londebe okunene endisela kuyo mna, niya kusela kuyo, nobapitizesho endibapitizeshwa ngalo mna, niya kubapitizeshwa ngalo; kodwa ukuhlala ngasekunene kum nangasekohlo kum asi kuko okwam ukupa, kupela ukupa abo balungiselwe kona. Baza bati abalishumi bakuva oku, baqala ukuqumbela u‐Yakobi no‐Johane kakulu. Koko u‐Yesu wababiza wati kubo: Niyazi ukuba abo babalwayo ngokuba zinkosi zabaheyideni bayabapata ngobukosi, nokuba abakulu babo bayenza ngegunya pezu kwabo. Kodwa akuyi kuba njalo pakati kwenu; koko osukuba efuna ukuba mkulu pakati kwenu, woba ngumkonzi wenu; nowakuni osukuba efuna ukuba ngowokuqala, woba sisicaka sabo bonke: ngokuba nonyana wesintu ebengezanga ukuza kukonzwa, koko weza ukukonza, nokunika ubomi bake bube yintlaulelo yabaninzi. Baza bafika e‐Jeriko: kwakute nxa ebepuma e‐Jeriko, kwa nabadisipile bake, nento eninzi yabantu, u‐Baratimeyu oyimfama, unyana ka‐Timeyu, wabehleli ngasendleleni enqiba. Wati akuva ukuba ngu‐Yesu wase‐Nazarete, waqala ukudanduluka nokuti: Yesu, nyana ka‐Davide! yiba netaṙu kum. Baza abaninzi bamyala, ukuba ati tu: kodwa wayedanduluka ngento enkulu ngakumbi, esiti: Nyana ka‐Davide! yiba netaṙu kum. Waza wema u‐Yesu waxela ukuba makabizwe: basuka bambiza oyimfama, besiti kuye: Yomelela; vuka, uyakubiza. Waselelahla ingubo yake, wesuka, weza ku‐Yesu. Waza wapendula u‐Yesu wati kuye: Unga ndingakwenzela nto nina? Wayesiti oyimfama kuye: Raboni! ndinga ndingamkela ukubona kwam. Wayesiti u‐Yesu kuye: Hamba; ukolo lwako lukupilisile. Waza kwa oko wamkela ukubona kwake, wamlandela u‐Yesu endleleni.