Ngaloo mihla ke weza uYesu, evela eNazarete kwelaseGalili, wabhaptizwa nguYohane eJordan apho. Kuthe kwangoko, akuphuma uYesu emanzini, izulu lavuleka, wabona uMoya oyiNgcwele esihla phezu kwakhe njengehobe. Kwavakala nelizwi elivela ezulwini, lisithi: “UnguNyana wam endimthandayo wena; ndikholisiwe nguwe.” Kwangoko uMoya oyiNgcwele wamqhubela entlango uYesu. Waba lapho entlango iintsuku ezimashumi mane, elingwa nguSathana, ephakathi kwezilo zasendle. Izithunywa zezulu ke zazimlungiselela kwiintswelo zakhe.
Funda UMARKO 1
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: UMARKO 1:9-13
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo