Kwathi ngaloo mihla kweza uYesu, evela eNazarete yelaseGalili, wabhaptizwa nguYohane eYordan apho. Uthe kwaoko, akuba enyuka ephuma emanzini, walibona izulu likrazulwe, noMoya enjengehobe, esihla phezu kwakhe. Kwabakho nezwi eliphuma ezulwini, lisithi, Wena unguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguye. Uthi kwaoko uMoya amkhuphele entlango. Waye esentlango apho iintsuku ezimashumi mané, ehendwa nguSathana; waye endawonye namarhamncwa; zaye izithunywa zezulu zimlungisesela.
Funda UMARKO 1
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: UMARKO 1:9-13
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo