UMARKO 1:1-9

UMARKO 1:1-9 XHO96

Naku ukusungulwa kweendaba ezimnandi ezingoYesu Krestu, uNyana kaThixo. Kunjengoko umshumayeli uIsaya walithethayo ilizwi likaThixo esithi: “Naso isigidimi sam esiya kukwandulela sikugabulele izigcawu. Kuvakala ilizwi lodandulukayo entlango, lisithi: ‘Yilungiseleleni indlela iNkosi, niyihlahlele umgaqo wayo.’ ” Entlango ke kwabonakala uYohane ebhaptiza, eshumayela ukuba abantu mabaguquke babhaptizwe, aze uThixo abaxolele izono zabo. Babephuma besiya kuye bonke abakwaJuda nabaseJerusalem, bezixela izono zabo, aze ababhaptize emlanjeni iJordan. UYohane wayesambatha ingubo yoboya benkamela, abhinqe ngethwathwa. Wayesitya iinkumbi nobusi. Wayeshumayela esithi: “Lowo uza emva kwam unamandla kunam. Bendingubani mna kakade ukuba ndingade ndikhulule imitya yezihlangu zakhe? Mna okunene ndinibhaptiza ngamanzi, kodwa yena uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele.” Ngaloo mihla ke weza uYesu, evela eNazarete kwelaseGalili, wabhaptizwa nguYohane eJordan apho.