UMARKO 1:1-9
UMARKO 1:1-9 IBHAYIBHILE (XHO96)
Naku ukusungulwa kweendaba ezimnandi ezingoYesu Krestu, uNyana kaThixo. Kunjengoko umshumayeli uIsaya walithethayo ilizwi likaThixo esithi: “Naso isigidimi sam esiya kukwandulela sikugabulele izigcawu. Kuvakala ilizwi lodandulukayo entlango, lisithi: ‘Yilungiseleleni indlela iNkosi, niyihlahlele umgaqo wayo.’ ” Entlango ke kwabonakala uYohane ebhaptiza, eshumayela ukuba abantu mabaguquke babhaptizwe, aze uThixo abaxolele izono zabo. Babephuma besiya kuye bonke abakwaJuda nabaseJerusalem, bezixela izono zabo, aze ababhaptize emlanjeni iJordan. UYohane wayesambatha ingubo yoboya benkamela, abhinqe ngethwathwa. Wayesitya iinkumbi nobusi. Wayeshumayela esithi: “Lowo uza emva kwam unamandla kunam. Bendingubani mna kakade ukuba ndingade ndikhulule imitya yezihlangu zakhe? Mna okunene ndinibhaptiza ngamanzi, kodwa yena uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele.” Ngaloo mihla ke weza uYesu, evela eNazarete kwelaseGalili, wabhaptizwa nguYohane eJordan apho.
UMARKO 1:1-9 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ukuqaleka kwayo ivangeli kaYesu Kristu, uNyana kaThixo. Njengoko kubhaliweyo ebaprofetini, kwathiwa, Yabona, mna ndithuma umthunywa wam ngaphambi kobuso bakho, Oya kuyilungisa indlela yakho phambi kwakho. Ilizwi lodandulukayo entlango, lisithi, Wulungiseni umendo weNkosi, Wutyenenezeni umendo wayo. Kwaye kukho uYohane, ebhaptiza entlango, evakalisa ubhaptizo lwenguquko, ukuze kuxolelwe izono. Laye liphuma lisiya kuye lonke ilizwe lakwaYuda nabaseYerusalem, baye bonke bebhaptizwa nguye eYordan emlanjeni, bezixela izono zabo. Waye ke uYohane ambethe uboya benkamela, enombhinqo wentlonze esinqeni sakhe; Wadla iinkumbi nobusi basendle; Wayeshumayela esithi, Emva kwam kuza lowo unamandla kunam, endingafanelekileyo ukuba ndithobe phantsi, ndiwuthukulule nomtya weembadada zakhe. Mna okunene ndanibhaptiza ngamanzi, kodwa yena uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele. Kwathi ngaloo mihla kweza uYesu, evela eNazarete yelaseGalili, wabhaptizwa nguYohane eYordan apho.
UMARKO 1:1-9 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ukuqaleka kwayo ivangeli kaYesu Kristu, uNyana kaThixo. Njengoko kubhaliweyo ebaprofetini, kwathiwa, Yabona, mna ndithuma umthunywa wam ngaphambi kobuso bakho, Oya kuyilungisa indlela yakho phambi kwakho. (UMal. 3:1) Izwi lodandulukayo entlango, lisithi, Wulungiseni umendo weNkosi; Zityenenezeni iindlela zayo! (UIsaya 40:3) Kwaye kukho uYohane, ebhaptiza entlango, evakalisa ubhaptizo lwenguquko, ukuze kuxolelwe izono. Laye liphuma lisiya kuye lonke ilizwe lakwaYuda nabaseYerusalem; baye bonke bebhaptizwa nguye eYordan emlanjeni, bezixela izono zabo. Waye ke kaloku uYohane ambethe uboya benkamela, enombhinqo wentlonze esinqeni sakhe, abe ke esidla iinkumbi nobusi basendle. Wayememeza esithi, Emva kwam kuza lowo unamandla kunam, endingafanelekileyo ukuba ndithobe phantsi, ndiwuthukulule nomtya weembadada zakhe. Mna okunene ndanibhaptiza ngamanzi, ke yena uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele. Kwathi ngaloo mihla kweza uYesu, evela eNazarete yelaseGalili, wabhaptizwa nguYohane eYordan apho.
UMARKO 1:1-9 IBHAYIBHILE (XHO96)
Naku ukusungulwa kweendaba ezimnandi ezingoYesu Krestu, uNyana kaThixo. Kunjengoko umshumayeli uIsaya walithethayo ilizwi likaThixo esithi: “Naso isigidimi sam esiya kukwandulela sikugabulele izigcawu. Kuvakala ilizwi lodandulukayo entlango, lisithi: ‘Yilungiseleleni indlela iNkosi, niyihlahlele umgaqo wayo.’ ” Entlango ke kwabonakala uYohane ebhaptiza, eshumayela ukuba abantu mabaguquke babhaptizwe, aze uThixo abaxolele izono zabo. Babephuma besiya kuye bonke abakwaJuda nabaseJerusalem, bezixela izono zabo, aze ababhaptize emlanjeni iJordan. UYohane wayesambatha ingubo yoboya benkamela, abhinqe ngethwathwa. Wayesitya iinkumbi nobusi. Wayeshumayela esithi: “Lowo uza emva kwam unamandla kunam. Bendingubani mna kakade ukuba ndingade ndikhulule imitya yezihlangu zakhe? Mna okunene ndinibhaptiza ngamanzi, kodwa yena uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele.” Ngaloo mihla ke weza uYesu, evela eNazarete kwelaseGalili, wabhaptizwa nguYohane eJordan apho.
UMARKO 1:1-9 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ukuqaleka kwayo ivangeli kaYesu Kristu, uNyana kaThixo. Njengoko kubhaliweyo ebaprofetini, kwathiwa, Yabona, mna ndithuma umthunywa wam ngaphambi kobuso bakho, Oya kuyilungisa indlela yakho phambi kwakho. Ilizwi lodandulukayo entlango, lisithi, Wulungiseni umendo weNkosi, Wutyenenezeni umendo wayo. Kwaye kukho uYohane, ebhaptiza entlango, evakalisa ubhaptizo lwenguquko, ukuze kuxolelwe izono. Laye liphuma lisiya kuye lonke ilizwe lakwaYuda nabaseYerusalem, baye bonke bebhaptizwa nguye eYordan emlanjeni, bezixela izono zabo. Waye ke uYohane ambethe uboya benkamela, enombhinqo wentlonze esinqeni sakhe; Wadla iinkumbi nobusi basendle; Wayeshumayela esithi, Emva kwam kuza lowo unamandla kunam, endingafanelekileyo ukuba ndithobe phantsi, ndiwuthukulule nomtya weembadada zakhe. Mna okunene ndanibhaptiza ngamanzi, kodwa yena uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele. Kwathi ngaloo mihla kweza uYesu, evela eNazarete yelaseGalili, wabhaptizwa nguYohane eYordan apho.
UMARKO 1:1-9 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
UKUQALA kwevangeli ka‐Yesu Kristu, unyana KATIXO; njengokuba kuba̔liwe ebaprofiteni ngokuti: Bona ke, ndiyatuma isitunywa sam pambi kwobuso bako, esiya kulungisa indlela yako pambi kwako: nangokuti: Ilizwi lodandulukayo entlango: Lungisani indlela KAYEHOVA; yenzani imendo yake ilungelelane. Weza u‐Johane ebapitizesha entlango, eshumayela ubapitizesho lwoguquko kube kukuxolelwa kwezono. Laza lapumela kuye lonke ilizwe le‐Judeya, nabase‐Yerusaleme; bati bonke babapitizeshwa nguye emlanjeni we‐Yoredane, bevuma izono zabo. Waye kekaloku u‐Johane wambete uboya benkamela, nombinqo wolusu esinqeni sake; watya inkumbi nobusi basendle. Washumayela ke, esiti: Uyeza onamandla amakulu kwawam emva kwam, endingafanelekile ukuba nditobe pantsi ndiwutukulule umtya wezihlangu zake. Mna okunene ndinibapitizeshile ngamanzi; kodwa yena wonibapitizesha NGOMOYA OYINGCWELE. Kwaye kute kuleyomihla, wavela u‐Yesu e‐Nazarete yase‐Galili, wabapitizeshwa ngu‐Johane e‐Yoredane apo.