UMIKA 5:2-5

UMIKA 5:2-5 XHO96

“Kambe ke nawe, Bhetelehem yase-Efrata, udeleke unjalo kwizindlu zakwaJuda, kanti ke kwalapha kuwe ndiza kuvelisa lowo uya kuba ngumlawuli kaSirayeli, omveli yakhe isukela kwamandulo, kwimihla yasephakadeni.” Ke uSirayeli yena uya kulahlwa ade ke lowo ulunywayo abeleke, ke bona abantakwabo babuye beze bazibandakanye namaSirayeli. Uya kumiselwa ukwalusa umhlambi, enamandla *kaNdikhoyo, enobungangamsha begama likaNdikhoyo uThixo wakhe. Ewe, bona bohlala bekhuselekile kuba kaloku ubungangalala bakhe bofikelela nakwiziphelo zehlabathi. Kaloku yena uya kuzisa uxolo.