UMIKA 5:2-5
UMIKA 5:2-5 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Kambe ke nawe, Bhetelehem yase-Efrata, udeleke unjalo kwizindlu zakwaJuda, kanti ke kwalapha kuwe ndiza kuvelisa lowo uya kuba ngumlawuli kaSirayeli, omveli yakhe isukela kwamandulo, kwimihla yasephakadeni.” Ke uSirayeli yena uya kulahlwa ade ke lowo ulunywayo abeleke, ke bona abantakwabo babuye beze bazibandakanye namaSirayeli. Uya kumiselwa ukwalusa umhlambi, enamandla *kaNdikhoyo, enobungangamsha begama likaNdikhoyo uThixo wakhe. Ewe, bona bohlala bekhuselekile kuba kaloku ubungangalala bakhe bofikelela nakwiziphelo zehlabathi. Kaloku yena uya kuzisa uxolo.
UMIKA 5:2-5 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
“Kodwa wena, Bhetelehem-efrata, nangona umncinane phakathi kwamawaka akwaYuda, noko ke uya kuphuma kuwe uze kum, yaye mna ndiya kuba yinkokeli kaSirayeli; abazalwayo kususela kwamandulo, kwasephakadeni. Ngako oko uya kuwanikela kubo, kude kube lixesha lokuzala kwayo; abuye ke amasalela abazalwana bakhe, aye koonyana bakaSirayeli; uya kuma, aluse enamandla kaYehova, enobungangamsha begama likaYehova uThixo wakhe; kwaye ziya kuhlala, ngenxa yokuba ngoku uya kuba mkhulu kude kube sekupheleni kwehlabathi. Yoba luxolo loo ndoda, xa ama-Asiriya azileyo ezweni lakowethu; Ukuba uthe wanyathela ezingxandeni zethu ezinde, sonikela kuye abalusi abasixhenxe, namagosa asithoba anamazinyo amabini.
UMIKA 5:2-5 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke wena, Bhetelehem-efrata, ùmncinane kunokuba ubekho emawakeni akwaYuda, kuya kuphuma kuwe, eze ngenxa yam, oya kuba ngumlawuli kwaSirayeli, oziphumo zakhe zisusela kumandulo, zisusela kwimihla yasephakadeni. Ngako oko úya kubanikela kude kube lixesha lokuzala kozalayo, ade abuye amasalela abazalwana bakhe, kunye noonyana bakaSirayeli; úya kuma, aluse enamandla kaYehova, enobungangamsha begama likaYehova uThixo wakhe; bahlale; ngokuba ngoku úya kuba mkhulu, ese eziphelweni zehlabathi. Wóba luxolo lowo. Xa uAsiriya azileyo ezweni lakowethu, xa anyathelayo ezingxandeni zethu ezinde, siya kumisela abalusi abasixhenxe, neenkosi zabantu ezisibhozo, zimelane naye.
UMIKA 5:2-5 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Kambe ke nawe, Bhetelehem yase-Efrata, udeleke unjalo kwizindlu zakwaJuda, kanti ke kwalapha kuwe ndiza kuvelisa lowo uya kuba ngumlawuli kaSirayeli, omveli yakhe isukela kwamandulo, kwimihla yasephakadeni.” Ke uSirayeli yena uya kulahlwa ade ke lowo ulunywayo abeleke, ke bona abantakwabo babuye beze bazibandakanye namaSirayeli. Uya kumiselwa ukwalusa umhlambi, enamandla *kaNdikhoyo, enobungangamsha begama likaNdikhoyo uThixo wakhe. Ewe, bona bohlala bekhuselekile kuba kaloku ubungangalala bakhe bofikelela nakwiziphelo zehlabathi. Kaloku yena uya kuzisa uxolo.
UMIKA 5:2-5 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
“Kodwa wena, Bhetelehem-efrata, nangona umncinane phakathi kwamawaka akwaYuda, noko ke uya kuphuma kuwe uze kum, yaye mna ndiya kuba yinkokeli kaSirayeli; abazalwayo kususela kwamandulo, kwasephakadeni. Ngako oko uya kuwanikela kubo, kude kube lixesha lokuzala kwayo; abuye ke amasalela abazalwana bakhe, aye koonyana bakaSirayeli; uya kuma, aluse enamandla kaYehova, enobungangamsha begama likaYehova uThixo wakhe; kwaye ziya kuhlala, ngenxa yokuba ngoku uya kuba mkhulu kude kube sekupheleni kwehlabathi. Yoba luxolo loo ndoda, xa ama-Asiriya azileyo ezweni lakowethu; Ukuba uthe wanyathela ezingxandeni zethu ezinde, sonikela kuye abalusi abasixhenxe, namagosa asithoba anamazinyo amabini.
UMIKA 5:2-5 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Nawe, Beteleheme Eferata! umncinane ukuba pakati kwamawaka akwa‐Sirayeli; kodwa kuwe kwopumela kum ukuba ngumpati kwa‐Sirayeli, ozipumo zake zibe zikudala, emihleni yonapakade. Noko wobayekelela kude kube lixesha azeleyo lowo oya kuzala; bandule abazalwana bake abaseleyo babuyele elusatsheni luka‐Sirayeli. Waeya kuma ke, aluse ngamandla KAYEHOVA, ngobukulu begama LIKAYEHOVA, UTIXO wake: babeya kuhlala; ngokuba kaloku eya kuba mkulu kude kube sezincameni zomhlaba. Woba luxolo kwa lowo. Xeshekweni um‐Asiriya aya kungena ezweni letu, naxeshekweni aya kunyatela kuzo izindlukazi zetu, siya kwandula sivuse ngakuye abalusi abasixe̔nxe, namadoda atanjisiweyo asibozo.