Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UMATEWU 9:9-17

UMATEWU 9:9-17 XHO96

UYesu waphuma apho, wathi edlula, wabona indoda egama linguMatewu, ihleli eofisini yerhafu, wathi kuyo: “Ndilandele.” Yaphakama, yamlandela. Kwathi xa uYesu wayesitya endlwini, into eninzi yabaqokeleli-rhafu *neyaboni yeza yahlala kunye naye nabafundi bakhe etafileni. Bakukubona oku *abaFarasi, bâthi kubafundi bakhe: “Kutheni na okokuba umfundisi wenu atye kunye nabaqokeleli-rhafu naboni?” Ekuvile oko uYesu, wathi kubo: “Ugqirha akafuneki nganto kwabaphilileyo, ufuneka kwabagulayo. Khaniye kufunisisa okokuba ithetha ukuthini na le ndawo eziBhalweni ithi: ‘Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo.’ Ke mna andizanga kubiza malungisa, ndize kubiza aboni.” Abafundi bakaYohane umbhaptizi beza kuYesu, bambuza bathi: “Kutheni na okokuba thina *nabaFarasi sisoloko sizila ukutya nje, kanti bona abafundi bakho abazili?” Wabaphendula wathi: “Ngaba abakhaphi bomyeni bangákhedama na umyeni esenabo? Abangekhe! Kodwa lofika ixesha lokuba umyeni asuswe kubo, bandule ke ukuzila. “Kaloku akukho mntu uthungela isiziba esitsha kwisambatho esidala, kuba sofinyela, sisikrazule isambatho eso. Kananjalo akukho mntu uyitha kwiimvaba ezindala iwayini entsha engekabili, kuba ukuba uthe wenjenjalo, zogqabhuka zonakale iimvaba, ichitheke iwayini. Kaloku iwayini engekabili ithiwa kwiimvaba ezintsha, ize ke igcinakale iwayini, zingonakali iimvaba.”