UMATEYU 9:9-17
UMATEYU 9:9-17 IBHAYIBHILE (XHO96)
UYesu waphuma apho, wathi edlula, wabona indoda egama linguMatewu, ihleli eofisini yerhafu, wathi kuyo: “Ndilandele.” Yaphakama, yamlandela. Kwathi xa uYesu wayesitya endlwini, into eninzi yabaqokeleli-rhafu *neyaboni yeza yahlala kunye naye nabafundi bakhe etafileni. Bakukubona oku *abaFarasi, bâthi kubafundi bakhe: “Kutheni na okokuba umfundisi wenu atye kunye nabaqokeleli-rhafu naboni?” Ekuvile oko uYesu, wathi kubo: “Ugqirha akafuneki nganto kwabaphilileyo, ufuneka kwabagulayo. Khaniye kufunisisa okokuba ithetha ukuthini na le ndawo eziBhalweni ithi: ‘Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo.’ Ke mna andizanga kubiza malungisa, ndize kubiza aboni.” Abafundi bakaYohane umbhaptizi beza kuYesu, bambuza bathi: “Kutheni na okokuba thina *nabaFarasi sisoloko sizila ukutya nje, kanti bona abafundi bakho abazili?” Wabaphendula wathi: “Ngaba abakhaphi bomyeni bangákhedama na umyeni esenabo? Abangekhe! Kodwa lofika ixesha lokuba umyeni asuswe kubo, bandule ke ukuzila. “Kaloku akukho mntu uthungela isiziba esitsha kwisambatho esidala, kuba sofinyela, sisikrazule isambatho eso. Kananjalo akukho mntu uyitha kwiimvaba ezindala iwayini entsha engekabili, kuba ukuba uthe wenjenjalo, zogqabhuka zonakale iimvaba, ichitheke iwayini. Kaloku iwayini engekabili ithiwa kwiimvaba ezintsha, ize ke igcinakale iwayini, zingonakali iimvaba.”
UMATEYU 9:9-17 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Edlula apho, uYesu wabona umntu ehleli endaweni yerhafu, okuthiwa nguMateyu; athi kuye, Ndilandele. Wesuka ke, wamlandela. Kwathi, akubon' ukuba uhleli ngasesithebeni endlwini, kwabonakala into eninzi yababuthi berhafu naboni, yeza yahlala ndawonye noYesu nabafundi bakhe. Bakukubona oko abaFarisi, bathi kubafundi bakhe, Kungani na ukuba umfundisi wenu adle nababuthi berhafu naboni? Ekuvile ke uYesu oko, wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphilileyo, lifuneka kwabafayo. Khaniye nifunde ukuba kukuthini na ukuthi, Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo; kuba andizé kubiza malungisa, ndizé kubiza aboni ukuba baguquke. Baza bafika kuye abafundi bakaYohane, besithi, Kungani na ukuba sizile ukudla kaninzi, thina nabaFarisi, kanti bona abafundi bakho abakuzili? Wathi uYesu kubo, Banako yini na abegumbi lomtshakazi ukukhedama, lo gama umyeni asenabo? Kodwa kuya kufika mihla awothi asuswe kubo umyeni, bandule ke ukuzila. Akukho ke ubeka isiziba somchako omtsha engutyeni endala; kuba eso sifakiweyo siyakrazula engutyeni, sibe sibi ngokunye isikroba. Kanjalo ayithiwa iwayini entsha ezintsubeni ezindala; kwénjiwe njalo, zingagqabhuka iintsuba, iphalale iwayini, zitshabalale iintsuba; yona iwayini entsha ithiwa ezintsubeni ezintsha, zigcinakale ezo nto zombini.
UMATEYU 9:9-17 IBHAYIBHILE (XHO96)
UYesu waphuma apho, wathi edlula, wabona indoda egama linguMatewu, ihleli eofisini yerhafu, wathi kuyo: “Ndilandele.” Yaphakama, yamlandela. Kwathi xa uYesu wayesitya endlwini, into eninzi yabaqokeleli-rhafu *neyaboni yeza yahlala kunye naye nabafundi bakhe etafileni. Bakukubona oku *abaFarasi, bâthi kubafundi bakhe: “Kutheni na okokuba umfundisi wenu atye kunye nabaqokeleli-rhafu naboni?” Ekuvile oko uYesu, wathi kubo: “Ugqirha akafuneki nganto kwabaphilileyo, ufuneka kwabagulayo. Khaniye kufunisisa okokuba ithetha ukuthini na le ndawo eziBhalweni ithi: ‘Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo.’ Ke mna andizanga kubiza malungisa, ndize kubiza aboni.” Abafundi bakaYohane umbhaptizi beza kuYesu, bambuza bathi: “Kutheni na okokuba thina *nabaFarasi sisoloko sizila ukutya nje, kanti bona abafundi bakho abazili?” Wabaphendula wathi: “Ngaba abakhaphi bomyeni bangákhedama na umyeni esenabo? Abangekhe! Kodwa lofika ixesha lokuba umyeni asuswe kubo, bandule ke ukuzila. “Kaloku akukho mntu uthungela isiziba esitsha kwisambatho esidala, kuba sofinyela, sisikrazule isambatho eso. Kananjalo akukho mntu uyitha kwiimvaba ezindala iwayini entsha engekabili, kuba ukuba uthe wenjenjalo, zogqabhuka zonakale iimvaba, ichitheke iwayini. Kaloku iwayini engekabili ithiwa kwiimvaba ezintsha, ize ke igcinakale iwayini, zingonakali iimvaba.”
UMATEYU 9:9-17 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Edlula apho, uYesu wabona umntu ehleli endaweni yerhafu, okuthiwa nguMateyu, athi kuye, Ndilandele. Wesuka ke, wamlandela. Kwathi, akubon’ ukuba uhleli ngasesithebeni endlwini, kwabonakala into eninzi yababuthi berhafu naboni, yeza yahlala ndawonye noYesu nabafundi bakhe. Bakukubona oko abaFarisi, bathi kubafundi bakhe, Kungani na ukuba umfundisi wenu adle nababuthi berhafu naboni? Evile ke uYesu, wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphilileyo, lifuneka kwabafayo. Khaniye nifunde ukuba kukuthini na ukuthi, Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo; kuba andize kubiza malungisa, ndize kubiza aboni ukuba baguquke. Beza kuye abafundi bakaYohane, besithi, Kungani na ukuba sizile ukudla kaninzi, thina nabaFarisi, kanti bona abafundi bakho abakuzili? Wathi uYesu kubo, Banako yini na abegumbi lomtshakazi ukukhedama, lo gama umyeni asenabo? Kodwa kuya kufika mihla awothi asuswe kubo umyeni, bandule ke ukuzila. Akukho ke ubeka isiziba somchako omtsha engutyeni endala; kuba eso sifakiweyo siyakrazula engutyeni, sibe sibi ngokunye isikroba. Kanjalo ayithiwa iwayini entsha ezintsubeni ezindala; kwenjiwe njalo, zingagqabhuka iintsuba, iphalale iwayini, zitshabalale neentsuba; yona iwayini entsha ithiwa ezintsubeni ezintsha, zigcinakale ezo nto zombini.
UMATEYU 9:9-17 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
WAZA u‐Yesu edlula apo wabona umntu ehleli endaweni yokwamkela iminikelo, o‐kutiwa ngu‐Mateyu, wati kuye: Ndilandele. Wesuka ke, wamlandela. Kwaza kwati, nxa abehleli ekutyeni endlwini, kekaloku bona ke, into eninzi yababuti beminikelo naboni beza bahlala ekutyeni ndawonye no‐Yesu nabadisipile bake. Baza abafarisi, bakubona oku, bati kubadisipile bake: Kunganina ukuba atye umfundisi wenu kunye nababuti beminikelo naboni? Koko u‐Yesu, evile nje, wati kubo: Abomeleleyo abasweli gqir̔a; ngabafayo abalisweleyo. Kodwa hambani nifunde ukuba kuti nina, — Ndiyafuna ububele, andifuni umbingo; ngokuba ndingezanga ukubiza abalungileyo, koko ndize ukubiza aboni baguquke. Kwandula kweza kuye abadisipile baka‐Johane, besiti: Kunganina ukuba kufuti tina nabafarisi sizila ukutya, kanti abadisipile bako abakuzili? Waza wati u‐Yesu kubo: Usapo lwenkambili yomtshakazi lungaba lusizi na, nxa asenalo umyeni? kodwa iya kuza imihla okuya umyeni aya kususwa kulo, lwaluya kuzila ukutya oko ke. Akuko mntu ubeka isiziba sencawa engatutyulwanga engutyeni endala; ngokuba into efakiweyo iṙazula kwingubo, siti isiṙoba senzwe sibi ngakumbi. Kanjalo akutiwa iveyine entsha ezintsubeni ezindala; okanye, ziyagqoboka intsuba, ize ipalale iveyine, zitshabalale nentsuba: koko kutiwa iveyine entsha ezintsubeni ezikwa zintsha, zandul’ ukugcinwa zombini.