Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UMATEWU 26:36-45

UMATEWU 26:36-45 XHO96

Ke uYesu nabafundi bakhe bafika kwisitiya ekuthiwa yiGetsemane, wathi kubo: “Hlalani apha, ndikhe ndiye kuthandaza phaya.” Wahamba noPetros noonyana ababini bakaZebhedi, waza waba buhlungu, wadandatheka, wathi kubo: “Intliziyo yam ibuhlungu ukufa, iligazi. Hlalani apha nilinde kunye nam.” Esukile kubo wathi qelele, wawa emhlabeni, wathandaza esithi: “Bawo, ukuba kunokwenzeka, yidlulise kum le ntlungu. Noko ke, makungabi kokuthandwa ndim, makube kukuthanda kwakho.” Wafika ke, wabafumana abo bafundi belele, wathi kuPetros: “Ubungenakulinda na nokweli thutyana? Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni. Intliziyo yona okunene inentumekelelo, ke wona umzimba ubuthathaka.” Wabuya wemka, waya kuthandaza, esithi: “Bawo, ukuba le ntlungu ayinako ukudlula kum ndingathanga ndayiva, makwenzeke ukuthanda kwakho.” Kwathi, akubuya kwakhona, wabafumana abo bafundi belele, kuba babesoyiswa bubuthongo. Wabashiya kwakhona uYesu, waya kuthandaza okwesithathu kwangaloo mazwi. Wabuya waya kwabo bafundi, wathi kubo: “Nisalele? Nisaphumle na? Niyabona, lifikile ixesha! *UNyana woLuntu unikelwa ezandleni zaboni.