UMATEYU 26:36-45
UMATEYU 26:36-45 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ke uYesu nabafundi bakhe bafika kwisitiya ekuthiwa yiGetsemane, wathi kubo: “Hlalani apha, ndikhe ndiye kuthandaza phaya.” Wahamba noPetros noonyana ababini bakaZebhedi, waza waba buhlungu, wadandatheka, wathi kubo: “Intliziyo yam ibuhlungu ukufa, iligazi. Hlalani apha nilinde kunye nam.” Esukile kubo wathi qelele, wawa emhlabeni, wathandaza esithi: “Bawo, ukuba kunokwenzeka, yidlulise kum le ntlungu. Noko ke, makungabi kokuthandwa ndim, makube kukuthanda kwakho.” Wafika ke, wabafumana abo bafundi belele, wathi kuPetros: “Ubungenakulinda na nokweli thutyana? Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni. Intliziyo yona okunene inentumekelelo, ke wona umzimba ubuthathaka.” Wabuya wemka, waya kuthandaza, esithi: “Bawo, ukuba le ntlungu ayinako ukudlula kum ndingathanga ndayiva, makwenzeke ukuthanda kwakho.” Kwathi, akubuya kwakhona, wabafumana abo bafundi belele, kuba babesoyiswa bubuthongo. Wabashiya kwakhona uYesu, waya kuthandaza okwesithathu kwangaloo mazwi. Wabuya waya kwabo bafundi, wathi kubo: “Nisalele? Nisaphumle na? Niyabona, lifikile ixesha! *UNyana woLuntu unikelwa ezandleni zaboni.
UMATEYU 26:36-45 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ngelo xesha, ufika uYesu nabo kumhlatyana ekuthiwa yiGetsemane, athi kubafundi, Hlalani phantsi apha, ndikhe ndiye kuthandaza phaya. Wathabatha uPetros noonyana bobabini bakaZebhedi, waqala ukuba buhlungu nokudandatheka kakhulu. Athi kubo, Umphefumlo wam ubuhlungu kakhulu, ngokokude ube sekufeni; hlalani apha, nilinde nam. Waza, ehambele phambili umganyana, wawa ngobuso bakhe, wathandaza, esithi, Bawo, ukuba kunokwenzeka, mayidlule kum le ndebe; noko makungabi njengokuthanda kwam, makube njengokuthanda kwakho. Uyeza kubafundi, abafumane belele, athi kuPetros, Ninje na ukungabi nako ukulinda nam nexa elinye? Phaphani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni; umoya wona okunene unentumekelelo, ke yona inyama ithambile. Wabuya wemka okwesibini, wathandaza, esithi, Bawo, ukuba ayinako le ndebe ukudlula kum ndingathanga ndiyisele, makwenzeke ukuthanda kwakho. Afike abafumane bebuye balala, kuba amehlo abo ayenzima bubuthongo. Wabashiya, wabuya wemka, wathandaza okwesithathu, ethetha kwalona elo lizwi. Andule ukuza kubafundi bakhe, athi kubo, Lalani ngoku, niphumle; yabonani, lisondele ilixa lokuba uNyana woMntu anikelwe ezandleni zaboni.
UMATEYU 26:36-45 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ngelo xesha, ufika uYesu nabo kumhlatyana ekuthiwa yiGetsemane; athi kubafundi, Hlalani phantsi apha, ndikhe ndiye kuthandaza phaya. Wathabatha uPetros noonyana bobabini bakaZebhedi, waqala ukuba buhlungu nokudandatheka kakhulu. Aze athi kubo, Umphefumlo wam ubuhlungu kakhulu, ngokokude ube sekufeni; hlalani apha nilinde nam. Waza, ehambele phambili umganyana, wawa ngobuso bakhe, wathandaza, esithi, Bawo, ukuba kunokwenzeka, mayidlule kum le ndebe; noko makungabi njengokuthanda kwam, makube njengokuthanda kwakho. Úyeza kubafundi, abafumane belele, athi kuPetros, Ninje na ukungabi nako ukulinda nam nexa elinye? Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni; umoya wona okunene unentumekelelo, ke yona inyama ithambile. Wabuya wemka okwesibini, wathandaza, esithi, Bawo, ukuba ayinako le ndebe ukudlula kum ndingathanga ndiyisele, makwenzeke ukuthanda kwakho. Afike abafumane bebuye balala, kuba amehlo abo ayenzima bubuthongo. Wabashiya, wabuya wemka, wathandaza okwesithathu, ethetha kwalona elo lizwi. Andule ukuza kubafundi bakhe, athi kubo, Lalani ngoku, niphumle; yabonani, lisondele ilixa lokuba uNyana woMntu anikelwe ezandleni zaboni.
UMATEYU 26:36-45 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ke uYesu nabafundi bakhe bafika kwisitiya ekuthiwa yiGetsemane, wathi kubo: “Hlalani apha, ndikhe ndiye kuthandaza phaya.” Wahamba noPetros noonyana ababini bakaZebhedi, waza waba buhlungu, wadandatheka, wathi kubo: “Intliziyo yam ibuhlungu ukufa, iligazi. Hlalani apha nilinde kunye nam.” Esukile kubo wathi qelele, wawa emhlabeni, wathandaza esithi: “Bawo, ukuba kunokwenzeka, yidlulise kum le ntlungu. Noko ke, makungabi kokuthandwa ndim, makube kukuthanda kwakho.” Wafika ke, wabafumana abo bafundi belele, wathi kuPetros: “Ubungenakulinda na nokweli thutyana? Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni. Intliziyo yona okunene inentumekelelo, ke wona umzimba ubuthathaka.” Wabuya wemka, waya kuthandaza, esithi: “Bawo, ukuba le ntlungu ayinako ukudlula kum ndingathanga ndayiva, makwenzeke ukuthanda kwakho.” Kwathi, akubuya kwakhona, wabafumana abo bafundi belele, kuba babesoyiswa bubuthongo. Wabashiya kwakhona uYesu, waya kuthandaza okwesithathu kwangaloo mazwi. Wabuya waya kwabo bafundi, wathi kubo: “Nisalele? Nisaphumle na? Niyabona, lifikile ixesha! *UNyana woLuntu unikelwa ezandleni zaboni.
UMATEYU 26:36-45 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ngelo xesha, ufika uYesu nabo kumhlatyana ekuthiwa yiGetsemane, athi kubafundi, Hlalani phantsi apha, ndikhe ndiye kuthandaza phaya. Wathabatha uPetros noonyana bobabini bakaZebhedi, waqala ukuba buhlungu nokudandatheka kakhulu. Athi kubo, Umphefumlo wam ubuhlungu kakhulu, ngokokude ube sekufeni; hlalani apha, nilinde nam. Waza, ehambele phambili umganyana, wawa ngobuso bakhe, wathandaza, esithi, Bawo, ukuba kunokwenzeka, mayidlule kum le ndebe; noko makungabi njengokuthanda kwam, makube njengokuthanda kwakho. Uyeza kubafundi, abafumane belele, athi kuPetros, Ninje na ukungabi nako ukulinda nam nexa elinye? Phaphani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni; umoya wona okunene unentumekelelo, ke yona inyama ithambile. Wabuya wemka okwesibini, wathandaza, esithi, Bawo, ukuba ayinako le ndebe ukudlula kum ndingathanga ndiyisele, makwenzeke ukuthanda kwakho. Afike abafumane bebuye balala, kuba amehlo abo ayenzima bubuthongo. Wabashiya, wabuya wemka, wathandaza okwesithathu, ethetha kwalona elo lizwi. Andule ukuza kubafundi bakhe, athi kubo, Lalani ngoku, niphumle; yabonani, lisondele ilixa lokuba uNyana woMntu anikelwe ezandleni zaboni.
UMATEYU 26:36-45 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wandula u‐Yesu weza nabo entsimini e‐kutiwa yi‐Getesemane, wati kubadisipile: Hlalani pantsi apa, nxa ndiyayo nditandaze paya. Waza watabata naye u‐Petrosi nonyana baka‐Zebedi bobabini, waqala ukuba lusizi nokudandateka kakulu. Wandula wati kubo: Umpefumlo wam ulusizi kakulu kude kube sekufeni; hlalani apa, nilinde nam. Waza waya umganyana ngapambili, wawa ngobuso bake, etandaza, esiti nokuti: Bawo! ukuba kungenzeka, makudlule kum indebe le: noko makungabi njengokuba nditanda mna, makube njengokuba utanda wena. Wayesiza kubadisipile, wabafumana belele, wati ku‐Petrosi: Kanene beningelinde nam iyure ibe nye na? Lindani nitandaze, ukuze ningangeni ekulingweni: umoya okunene uyavuma, kodwa inyama ibutataka. Wabuya wemka ngokwesibini, waya watandaza, esiti: Bawo! ukuba lendebe ayingedlule kum, nxa ndingayiseli, makwenziwe intando yako. Wayesiza wabafumana belele kanjako; ngokuba amehlo abo ebenzima. Waza wabashiya, wemka kanjako, waya watandaza ngokwesitatu, eteta wona lomazwi. Wandula weza kubadisipile bake, wati kubo: Lalani ixesha eliseleyo, nipumle; nantsi iyure isel’ ikufupi, xa unyana wesintu anikelwa ezandleni zaboni