Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UMATEWU 16:21-28

UMATEWU 16:21-28 XHO96

Waqala ke ngoko uYesu ukubacacisela abafundi bakhe ukuba umelwe kukuya eJerusalem, aviswe ubunzima obukhulu ngamadoda amakhulu, nangababingeleli abaziintloko, nangabachazi-mthetho, abulawe, aze avuke ngomhla wesithathu. UPetros ke, emse bucala uYesu, wamkhalimela esithi: “Wanga uThixo angakunceda, Nkosi; oku kungàze kwenzeke kuwe.” Wajika uYesu, wathi kuPetros: “Hamb' umke kum, Sathana. Uyandikhubekisa, kuba akuzinyamekeli izinto zikaThixo, unyamekela ezabantu.” UYesu ke wathi kubafundi bakhe: “Ofuna ukuba ngumlandeli wam makazincame, athwale umnqamlezo wakhe, andilandele; kuba othe wafuna ukusindisa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo, kodwa othe wabuncama ubomi bakhe ngenxa yam, wobusindisa. Kaloku komnceda ntoni na umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, kodwa walahlekelwa bubomi bakhe? Okanye umntu angakhupha ntoni na exabisekileyo ukuze angàlahlekelwa bubomi bakhe? Kaloku *uNyana woLuntu selesiza, esebuqaqawulini boYise, enezithunywa zakhe. Akufika uya kubabuyekeza bonke ngabanye ngokwezenzo zabo. Ndithi kuni, inene, kwabakhoyo apha bakho abangayi kubonana nokufa bade bambone uNyana woLuntu efika engukumkani.”