UMATEYU 16:21-28
UMATEYU 16:21-28 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Waqalela kwelo xa uYesu ukubabonisa abafundi bakhe, okokuba umelwe kukuba aye eYerusalem, eve ubunzima obukhulu kuwo amadoda amakhulu nababingeleli abakhulu, nababhali, abulawe, athi ngomhla wesithathu avuke. Wathi uPetros emthabathele kuye, waqala ukumkhalimela, esithi, Makube camagu kuwe, Nkosi; oko akuyi kukha kubekho kuwe. Wajika ke wathi kuPetros, Suka uye emva kwam, Sathana,• usisikhubekiso kum; ngokuba ungazinyamekeli ezikaThixo izinto, unyamekela ezabantu. Wandula wathi uYesu kubafundi bakhe, Ukuba kukho othanda ukundilandela, makazincame ngokwakhe, awuthwale umnqamlezo wakhe, andilandele. Kuba othe wathanda ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; ke othe wawulahla umphefumlo wakhe ngenxa yam, wowufumana. Kuba, kumnceda ntoni na umntu, ukuba uthe wazuza ihlabathi liphela, waza wonakalelwa ke ngumphefumlo wakhe? Okanye worhola ntoni na umntu, ibe sisananelo somphefumlo wakhe? Kuba uNyana woMntu uza kuza esebuqaqawulini boYise, enezithunywa zakhe, andule ukubavuza bonke ngabanye ngokokwenza kwabo. Inene, ndithi kuni, Kwabemiyo apha kukho abangayi kukha beve kufa, bade bambone uNyana woMntu esiza, esebukumkanini bakhe.

UMATEYU 16:21-28 IBHAYIBHILE (XHO96)
Waqala ke ngoko uYesu ukubacacisela abafundi bakhe ukuba umelwe kukuya eJerusalem, aviswe ubunzima obukhulu ngamadoda amakhulu, nangababingeleli abaziintloko, nangabachazi-mthetho, abulawe, aze avuke ngomhla wesithathu. UPetros ke, emse bucala uYesu, wamkhalimela esithi: “Wanga uThixo angakunceda, Nkosi; oku kungàze kwenzeke kuwe.” Wajika uYesu, wathi kuPetros: “Hamb' umke kum, Sathana. Uyandikhubekisa, kuba akuzinyamekeli izinto zikaThixo, unyamekela ezabantu.” UYesu ke wathi kubafundi bakhe: “Ofuna ukuba ngumlandeli wam makazincame, athwale umnqamlezo wakhe, andilandele; kuba othe wafuna ukusindisa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo, kodwa othe wabuncama ubomi bakhe ngenxa yam, wobusindisa. Kaloku komnceda ntoni na umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, kodwa walahlekelwa bubomi bakhe? Okanye umntu angakhupha ntoni na exabisekileyo ukuze angàlahlekelwa bubomi bakhe? Kaloku *uNyana woLuntu selesiza, esebuqaqawulini boYise, enezithunywa zakhe. Akufika uya kubabuyekeza bonke ngabanye ngokwezenzo zabo. Ndithi kuni, inene, kwabakhoyo apha bakho abangayi kubonana nokufa bade bambone uNyana woLuntu efika engukumkani.”
UMATEYU 16:21-28 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Waqalela kwelo xa uYesu ukubabonisa abafundi bakhe, okokuba umelwe kukuba aye eYerusalem, eve ubunzima obukhulu kuwo amadoda amakhulu nababingeleli abakhulu, nababhali, abulawe, athi ngomhla wesithathu abuye avuke. Waza uPetros wamthabatha, waqala ukumkhalimela, esithi, Makube lee kuwe, Nkosi; Wajika ke wathi kuPetros, Suka uye emva kwam, Sathana, usisikhubekiso kum; ngokuba ungazinyamekeli ezikaThixo izinto, unyamekela ezabantu. Wandula wathi uYesu kubafundi bakhe, Ukuba kukho othanda ukundilandela, makazincame ngokwakhe, awuthwale umnqamlezo wakhe, andilandele. Kuba othe wathanda ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; ke othe wawulahla umphefumlo wakhe ngenxa yam, wowufumana. Kuba, kumnceda ntoni na umntu, ukuba uthe wazuza ihlabathi liphela, waza wonakalelwa ke ngumphefumlo wakhe? Okanye worhola ntoni na umntu, ibe sisananelo somphefumlo wakhe? Kuba uNyana woMntu uza kuza esebuqaqawulini boYise, enezithunywa zakhe, andule ukubavuza bonke ngabanye ngokokwenza kwabo. Inene, ndithi kuni, Kwabemiyo apha kukho abangayi kukha beve kufa, bade bambone uNyana woMntu esiza, esebukumkanini bakhe.
UMATEYU 16:21-28 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Emveni kwoko waqala u‐Yesu ukubonisa abadisipile bake okokuba ufanele ukumka aye e‐Yerusaleme, nokuva intlungu ezininzi ngabo abadala nabaperisite abakulu nababa̔li, nokubulawa, nokuvuswa ngomhla wesitatu. Waza u‐Petrosi wamtabatela kuye waqala ukumtetisa, esiti: Mawenzelwe ufefe, Nkosi! lento ayisayi kubako kuwe. Koko wajika wati ku‐Petrosi: Yiya emva kwam, Satane! usisixakaniso kum; ngokuba unganyamekeli izinto ZIKATIXO, unyamekela izinto zabantu nje. Wandula u‐Yesu wati kubadisipile bake: Ukuba umntu uyafuna ukuza emva kwam, makazikanyeze, apate ikuruse yake, andilandele. Ngokuba lowo usukuba efuna ukulondoloza ubomi bake, buya kumlahleka; nosukuba elahlekana nobomi bake ngenxa yam, wobufumana. Ngokuba uncedwa nto nina umntu, ukuba ilizwe lonke walizuza, nompefumlo wake walahlekelwa nguwo? kanjalo uya kunika nto nina umntu ibe lixabiso elilingana nawo umpefumlo wake? Ngokuba unyana wesintu eya kuza ebungcwaliseni BOYISE kunye nengelosi zake; waeya kwandula ukuvuza abanye ngabanye ngokwokwenza kwabo. Ngokwenene nditi kuni: Bako inxenye yabemiyo apa, abangasayi kuva ukufa, bade babone unyana wesintu esiza ebukumkanini bake.