UMATEWU 13:33-58

UMATEWU 13:33-58 XHO96

UYesu wabenzela nomnye umzekeliso, esithi: “Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa negwele awalithathayo umfazi, walixovulela kumgubo ozizitya ezithathu, laza layinyusa intlama.” Zonke ezi zinto uYesu wazithetha kwizihlwele ngemizekeliso. Akathethanga nto kuzo kungengamizekeliso. Ngokwenjenjalo wakuzalisekisa okwathethwayo *ngumshumayeli esithi: “Ndiya kuthetha ngemizekeliso, ndizityhile izinto ezazifihlakele kwasekusekweni kwehlabathi.” Wazindulula ke izihlwele uYesu, wangena endlwini. Beza kuye abafundi bakhe, bathi: “Khawusicacisele umzekeliso ngokhula olusentsimini.” Waphendula wathi: “Lowo uhlwayela imbewu elungileyo *nguNyana woLuntu. Intsimi le lihlabathi. Yona imbewu elungileyo ngabantu abalawulwa nguThixo. Ke lona ukhula ngabantu bongendawo. Utshaba oluluhlwayelayo ngumtyholi. Ukuvuna kukupheliswa kweli phakade. Abavuni zizithunywa zezulu. Njengoko luqokelelwayo ukhula, lutshiswe, koba njalo ekuphelisweni kweli phakade. UNyana woLuntu wozithuma izithunywa zakhe, zibaqokelele bangabikho apho alawula khona bonke abalahlekisayo, nabo bonke abenza okuchasene nomthetho, zibaphose kwiziko elivutha umlilo, apho kuya kubakho ukulila nokungcungcutheka. Bothi ke abangamalungisa baqaqambe ngokwelanga bekwikomkhulu likaYise. Oneendlebe zokuva makeve.” “Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nobutyebi obufihlwe entsimini, waza ubani wabubhaqa, wabugqumelela kwakhona, wathi, evuya kakhulu, waya kuthengisa konke anako, wayithenga loo ntsimi.” “Kananjalo ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nomrhwebi ohamba efuna *iiperile ezintle, othi akubhaqa perile ithile ixabisekileyo, aye kuthengisa konke anako, ayithenge loo perile.” “Kananjalo ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nomnatha owaphoswa elwandle, wabambisa iintlobo ngeentlobo zeentlanzi; ekuthe, wakuzala, watsalelwa elunxwemeni, kwahlalwa phantsi, ezilungileyo zaqokelelwa esityeni, ezimbi zalahlwa. Kuya kuba njalo ekuphelisweni kweli phakade. Zophuma izithunywa zezulu, zibakhethe abakhohlakeleyo kwabalungileyo, zibaphose kwiziko elivutha umlilo, apho kuya kubakho ukulila nokungcungcutheka.” UYesu wathi: “Ngaba nikuqondile na konke oku?” Baphendula bathi: “Ewe.” Waza wathi kubo: “Ke ngoko, umchazi-mthetho ngamnye othe waba ngumfundi wezolawulo lukaThixo, ufana nomninimzi onokukhupha izinto ezintsha kwanezindala kuvimba wakhe.” Kwathi, uYesu akugqiba ukuyenza le mizekeliso, wemka apho. Efikile kowabo, wafundisa endlwini yesikhungo. Bâmangaliseka kakhulu abo bamváyo, besithi: “Ngaba ubufumene phi na obu bulumko? Le mimangaliso yona? Akanguye na unyana womchweli? Unina akanguye na uMariya? Abantakwabo asingabo na ooYakobi, noYose, noSimon, noJuda? Noodade wabo àbahlali apha bonke na? Ngaba lo mntu uzifumene phi zonke ezi zinto?” Ngenxa yale nto ke bambukula. Waza uYesu wathi kubo: “Kakade umshumayeli uyayinikwa imbeko; kukwelakowabo kuphela, ekhayeni lakhe, apho angayifumani khona.” Ngenxa yokungakholwa kwabo akenzanga mimangaliso mininzi apho.