UMATEYU 13:33-58

UMATEYU 13:33-58 XHO75

Wathetha omnye umzekeliso kubo, esithi, Ubukumkani bamazulu bufana negwele, awalithabathayo umfazi, walifihla ezilinganisweni• zozithathu zomgubo, wada wabaliswa uphela. Ezi ndawo zonke uYesu wazithetha ngemizekeliso kuzo izihlwele; akathethanga kungengamzekeliso kuzo; ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngomprofeti, esithi, Ndiya kuwuvula ngemizekeliso umlomo wam, Ndiya kukhupha izinto ezazifihliwe kwasekusekweni kwehlabathi. (INdum. 78:2) Waza uYesu akuzindulula izihlwele wangena endlwini. Beza kuye abafundi bakhe, besithi, Sixelele umzekeliso womdiza wentsimi. Waphendula ke wathi kubo, Lo uhlwayela imbewu entle nguNyana woMntu; intsimi ke lihlabathi; imbewu ke entle ngoonyana bobukumkani abo; umdiza ke ngoonyana bongendawo; utshaba ke olwawuhlwayelayo wona nguMtyholi; ukuvuna ke kukupheliswa kwephakade eli; abavuni ke zizithunywa zezulu. Njengokuba ngoko ubuthwa umdiza, utshiswe ngomlilo, kuya kuba njalo ekuphelisweni kweli phakade. UNyana woMntu uya kuthuma izithunywa zakhe, zize zibuthe, zikhuphe ebukumkanini bakhe, zonke izikhubekiso, nabo benza okuchasene nomthetho; zibaphose ezikweni lomlilo; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo. Aya kwandula ke amalungisa ukubengezela njengelanga ebukumkanini boYise wawo. Lowo uneendlebe zokuva makeve. Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nobutyebi obufihlwe entsimini, athe umntu akubufumana wabufihla; aze ngenxa yovuyo lwakhe aye athengise ngeento zonke anazo, ayithenge loo ntsimi. Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nomrhwebi, efuna iiperile• ezintle; owathi ke akuyifumana iperile inye, exabiso likhulu, wemka waya wananisa ngeento zonke abenazo, wayithenga. Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nomnatha, owaphoswa elwandle, wahlanganisa kwiintlobo zonke; abathe wakuzala bawurholela elunxwemeni; ke bakuhlala phantsi, bazibuthela ezintle ezityeni, bazilahla ke ezimbi. Kuya kuba njalo ekuphelisweni kwephakade eli: ziya kuphuma izithunywa zezulu, zibakhethe abangendawo phakathi kwamalungisa, zibaphose ezikweni lomlilo; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo. Athi kubo uYesu, Niziqondile na zonke ezi ndawo? Bathi kuye, Ewe, Nkosi. Wathi ke kubo, Ngenxa yoko, umbhali wonke ofundiselwe ebukumkanini bamazulu ufana nomntu ongumninindlu, orhola ebuncwaneni bakhe izinto ezintsha kwanezindala. Kwathi, akuyigqiba uYesu le mizekeliso, wanduluka khona apho. Akufika kwelakowabo, wabafundisa endlwini yabo yesikhungu, ngokokude bakhwankqiswe bathi, Lo ubuzuze phi na obu bulumko, nale misebenzi yamandla? Lo asinguye na unyana wengcibi yokwakha? Unina akuthiwa na nguMariya? Nabazalwana bakhe asingooYakobi, noYose, noSimon, noYuda, yini na? Noodade bakhe àbakuthi apha bonke na? Uzizuze phi na phofu lo zonke ezi zinto? Baye bekhubeka kuye. Wathi ke uYesu kubo, Umprofeti akaswele mbeko, kungekhona kowabo, nakokwabo. Akenza misebenzi mininzi yamandla khona apho, ngenxa yokungakholwa kwabo.