ULUKA 9:23-25

ULUKA 9:23-25 XHO96

UYesu ke wabhekisa kubo bonke wathi: “Osukuba ethanda ukundilandela makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe imihla ngemihla, andilandele; kuba othe wabukokosa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; kodwa othe wabuncama ubomi bakhe ngenxa yam, wobusindisa. Kuba kaloku komnceda ntoni na umntu ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, abe yena ezilahlile okanye onakalelwe?