ULUKA 9:23-25
ULUKA 9:23-25 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wayesithi ke kubo bonke, Ukuba ubani uthanda ukundilandela, makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe imihla ngemihla, andilandele ke. Ngokuba osukuba ethanda ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; ke othe wawulahla umphefumlo wakhe ngenxa yam, wowusindisa lowo. Kuba kumnceda ntoni na umntu ukuthi azuze ihlabathi liphela, abe ke ezilahlile, mhlawumbi ezonakalisile?
ULUKA 9:23-25 IBHAYIBHILE (XHO96)
UYesu ke wabhekisa kubo bonke wathi: “Osukuba ethanda ukundilandela makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe imihla ngemihla, andilandele; kuba othe wabukokosa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; kodwa othe wabuncama ubomi bakhe ngenxa yam, wobusindisa. Kuba kaloku komnceda ntoni na umntu ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, abe yena ezilahlile okanye onakalelwe?
ULUKA 9:23-25 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wayesithi ke kubo bonke, Ukuba ubani uthanda ukundilandela, makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe imihla ngemihla, andilandele ke. Kuba othe wathanda ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; ke othe wawulahla umphefumlo wakhe ngenxa yam, wowusindisa lowo. Kumnceda ntoni na umntu ukuthi azuze ihlabathi liphela, abe ke ezilahlile, mhlawumbi ezonakalisile?
ULUKA 9:23-25 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wabesiti kanjalo kubo bonke: Ukuba umntu uyafuna ukuza emva kwam, makazikanyeze, apate ikuruse yake imihla ngemihla, andilandele. Ngokuba lowo usukuba efuna ukulondoloza ubomi bake, buya kumlahleka; nosukuba elahlekana nobomi bake ngenxa yam, oyena wobulondoloza. Ngokuba kuya kunceda nto nina umntu, akulizuza ilizwe lonke, wati yena ngokwake walahleka, umhlaumbi wazizuzela ingozi?