UYOHANE 6:45-71

UYOHANE 6:45-71 XHO96

*Abashumayeli bâbhala bathi: ‘Bonke baya kuba ngabafundisiweyo nguThixo.’ Bonke ke abathe bamphulaphula uBawo, baza bafunda kuye, bayeza kum. Xa nditshoyo ke andithethi ukuthi kukho bani wakha wambona uBawo. Akukho namnye wakha wambona uBawo, ngaphandle kwalowo uvela kuThixo. “Ndithi kuni, inene, lowo ukholwayo unabo ubomi obungapheliyo. Ndim isonka sobomi. Ooyihlo batya *imana entlango, kodwa bafa. Ke sona isonka esihla ezulwini, seso athi ubani akusitya, angafi. Ndim isonka esinobomi, esihlileyo sivela ezulwini. Ukuba ubani uthe wasitya esi sonka, wophila ngonaphakade. Isonka endiya kumnika sona ngumzimba wam, endiwunikelayo ukuze ihlabathi liphile.” AmaJuda ke aphikisana ngamandla, esithi: “Angathini lo mfo ukusityisa umzimba wakhe?” Waza uYesu wathi kuwo: “Ndithi kuni, inene, ukuba anithanga niwutye umzimba wakhe *uNyana woLuntu, nilisele negazi lakhe, aninabo ubomi. Lowo uwutyayo umzimba wam, alisele negazi lam, unobomi obungonaphakade, ndaye ndiya kumvusa ekufeni ngomhla wokugqibela. Umzimba wam kokona kutya, negazi lam sesona siselo. Lowo uwutyayo umzimba wam, alisele negazi lam, yena uhlala kum, nam ndihlala kuye. UBawo uSobomi wandithuma, ndaza ndangonobomi ngaye. Ngokukwanjalo othe wawutya umzimba wam uya kuba nobomi ngam. Siso ke eso isonka esehla sivela ezulwini; sibe singafani nesiya ooyihlo bâsityayo, baza bafa noko. Osityayo esi sonka wodla ubomi ngonaphakade.” Ezi zinto uYesu wazithetha xa wayefundisa eKapernahum *endlwini yesikhungo. Bathi bakuziva, abaninzi kubafundi bakhe bathi: “Iyaxakanisa le ntetho. Ngubani onokuyinyamezela le nto?” UYesu wayesazi ukuba abafundi bakhe bayakrokra, waza wathi kubo: “Iyanikhubekisa le ndawo? Ngaba nothini na nakumbona *uNyana woLuntu enyukela apho wayevela khona? NguMoya onika ubomi; ke wona amandla omntu akancedi lutho ekunikeni ubomi. Amazwi endiwathethileyo kuni ngakaMoya, anika ubomi. Kanti ke noko basekho kuni abangakholwayo.” Kaloku uYesu wayebazi kwangaphambili abo bangakholwayo, emazi kwanalowo wayeza kumngcatsha. Waza ke wathi: “Kungoko nditshilo kuni ukuthi akukho namnye unokuza kum engakunikwanga nguBawo ukwenjenjalo.” Ukususela ngoko into eninzi yabafundi bakaYesu yarhoxa, ayaba sahamba naye. Wathi ke uYesu kwabo bafundi bakhe balishumi elinambini: “Nithini na nina? Ngaba nani nifuna ukumka?” Waza waphendula uSimon Petros wathi: “Nkosi, singaya kubani, inguwe nje onamazwi angawobomi obungapheliyo? Thina siyakholwa sisazi okokuba nguwe onguYedwa kaThixo.” Wabaphendula uYesu wathi: “Beninganyulwanga ndim na, nina balishumi elinambini? Kanti omnye kuni aba ungumtyholi.” Wayethetha uJudas, unyana kaSimon Sikariyoti, kuba nangona wayengomnye wabafundi abalishumi elinambini, wayeza kungcatsha uYesu.