UYOHANE 6:45-71
UYOHANE 6:45-71 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kubhaliwe ebaprofetini kwathiwa, Baye bonke beya kuba ngabafundiswa bakaThixo; bonke ngoko abathe beva kuBawo, bafunda kuye, bayeza kum. Kungekuba kukho bani umbonileyo uBawo, ingenguye ovela kuThixo; nguye yedwa ombonileyo uBawo. Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ukholwayo kum unobomi obungunaphakade. Ndim isonka sobomi. Ooyihlo bayidla imana leyo entlango, bafile noko. Isonka sona esihla emazulwini sesi, athi ubani akusidla, angafi. Ndim isonka esiphilileyo, esi sehlayo emazulwini. Ukuba ubani uthe wasidla esi sonka, wodla ubomi ngonaphakade; ke isonka endiya kumnika sona mna, siyinyama yam, endiya kuyinikela ubomi behlabathi. Ngoko amaYuda ayesilwa phakathi kwawo, esithi, Angáthini na lo ukusinika inyama yakhe siyidle? Wathi ngoko uYesu kuwo, Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba anithanga niyidle inyama yoNyana woMntu, nilisele igazi lakhe, aninabo ubomi kuni. Lowo uyidlayo eyam inyama, alisele elam igazi, unobomi obungunaphakade; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela. Kuba inyama yam ikukudla, inyaniso; negazi lam liluselo, inyaniso. Lowo uyidlayo eyam inyama, alisele elam igazi, uhleli kum, nam ndihleli kuye. Njengoko uBawo ophilileyo wandithumayo, ndibe nam ndiphilile ngenxa enoBawo, lowo undidlayo, kwayena uya kuphila ngam. Siso eso isonka esehla emazulwini; kungenjengokuba ooyihlo bayidlayo imana, bafa noko. Lowo usidlayo esi sonka, uya kuphila ngonaphakade. Ezi zinto wazithetha endlwini yesikhungu, efundisa eKapernahum. Into eninzi ngoko kubafundi bakhe yakuva yathi, Lilizwi elinqabileyo eli; ngubani na onako ukuliva? Ke kaloku, esazi uYesu ngaphakathi kwakhe, ukuba bayakrokra lilo abafundi bakhe, wathi kubo, Kuyanikhubekisa na oku? Hi na ke, ukuba nithe nambona uNyana woMntu enyukela apho ebefudula ekhona? Ngumoya odlisa ubomi; inyama yona ayincedi lutho. Amazwi la ndiwathethayo kuni mna angumoya, abubomi. Kukho abathile kuni abangakholwayo. Kuba ebesazi kwasekuqalekeni uYesu, ukuba ngoobani na ababengakholwa, nokuba ngubani na oya kumnikela. Wayesithi, Kungenxa yoku ndatshoyo kuni ukuthi, Akukho namnye unako ukuza kum, ukuba akathanga akunikwe nguBawo. Ngenxa yoko into eninzi yabafundi bakhe yabuya umva, ayaba sahamba naye. Wathi ngoko uYesu kwabalishumi elinababini, Nani nifuna ukumka, yini na? Wamphendula ngoko uSimon Petros wathi, Nkosi, sosuka siye kubani na? Nguwe onamazwi obomi obungunaphakade. Nathi sikholiwe, sazile, ukuba wena unguye uKristu,• uNyana kaThixo ophilileyo. Wabaphendula uYesu wathi, Andininyulanga na mna, nina shumi linababini? Ukanti omnye kuni ungumtyholi. Wayethetha ke ngoYuda Sikariyoti kaSimon, kuba lowo ibinguye obeza kumngcatsha, engomnye weshumi elinababini.
UYOHANE 6:45-71 IBHAYIBHILE (XHO96)
*Abashumayeli bâbhala bathi: ‘Bonke baya kuba ngabafundisiweyo nguThixo.’ Bonke ke abathe bamphulaphula uBawo, baza bafunda kuye, bayeza kum. Xa nditshoyo ke andithethi ukuthi kukho bani wakha wambona uBawo. Akukho namnye wakha wambona uBawo, ngaphandle kwalowo uvela kuThixo. “Ndithi kuni, inene, lowo ukholwayo unabo ubomi obungapheliyo. Ndim isonka sobomi. Ooyihlo batya *imana entlango, kodwa bafa. Ke sona isonka esihla ezulwini, seso athi ubani akusitya, angafi. Ndim isonka esinobomi, esihlileyo sivela ezulwini. Ukuba ubani uthe wasitya esi sonka, wophila ngonaphakade. Isonka endiya kumnika sona ngumzimba wam, endiwunikelayo ukuze ihlabathi liphile.” AmaJuda ke aphikisana ngamandla, esithi: “Angathini lo mfo ukusityisa umzimba wakhe?” Waza uYesu wathi kuwo: “Ndithi kuni, inene, ukuba anithanga niwutye umzimba wakhe *uNyana woLuntu, nilisele negazi lakhe, aninabo ubomi. Lowo uwutyayo umzimba wam, alisele negazi lam, unobomi obungonaphakade, ndaye ndiya kumvusa ekufeni ngomhla wokugqibela. Umzimba wam kokona kutya, negazi lam sesona siselo. Lowo uwutyayo umzimba wam, alisele negazi lam, yena uhlala kum, nam ndihlala kuye. UBawo uSobomi wandithuma, ndaza ndangonobomi ngaye. Ngokukwanjalo othe wawutya umzimba wam uya kuba nobomi ngam. Siso ke eso isonka esehla sivela ezulwini; sibe singafani nesiya ooyihlo bâsityayo, baza bafa noko. Osityayo esi sonka wodla ubomi ngonaphakade.” Ezi zinto uYesu wazithetha xa wayefundisa eKapernahum *endlwini yesikhungo. Bathi bakuziva, abaninzi kubafundi bakhe bathi: “Iyaxakanisa le ntetho. Ngubani onokuyinyamezela le nto?” UYesu wayesazi ukuba abafundi bakhe bayakrokra, waza wathi kubo: “Iyanikhubekisa le ndawo? Ngaba nothini na nakumbona *uNyana woLuntu enyukela apho wayevela khona? NguMoya onika ubomi; ke wona amandla omntu akancedi lutho ekunikeni ubomi. Amazwi endiwathethileyo kuni ngakaMoya, anika ubomi. Kanti ke noko basekho kuni abangakholwayo.” Kaloku uYesu wayebazi kwangaphambili abo bangakholwayo, emazi kwanalowo wayeza kumngcatsha. Waza ke wathi: “Kungoko nditshilo kuni ukuthi akukho namnye unokuza kum engakunikwanga nguBawo ukwenjenjalo.” Ukususela ngoko into eninzi yabafundi bakaYesu yarhoxa, ayaba sahamba naye. Wathi ke uYesu kwabo bafundi bakhe balishumi elinambini: “Nithini na nina? Ngaba nani nifuna ukumka?” Waza waphendula uSimon Petros wathi: “Nkosi, singaya kubani, inguwe nje onamazwi angawobomi obungapheliyo? Thina siyakholwa sisazi okokuba nguwe onguYedwa kaThixo.” Wabaphendula uYesu wathi: “Beninganyulwanga ndim na, nina balishumi elinambini? Kanti omnye kuni aba ungumtyholi.” Wayethetha uJudas, unyana kaSimon Sikariyoti, kuba nangona wayengomnye wabafundi abalishumi elinambini, wayeza kungcatsha uYesu.
UYOHANE 6:45-71 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kubhaliwe ebaprofetini kwathiwa, Baye bonke beya kuba ngabafundiswa bakaThixo; Bonke ngoko abathe beva kuBawo, bafunda kuye, bayeza kum. Kungekuba kukho bani umbonileyo uBawo, ingenguye ovela kuThixo; nguye yedwa ombonileyo uBawo. Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ukholwayo kum unobomi obungunaphakade. Ndim isonka sobomi. Ooyihlo bayidla imana leyo entlango, bafile noko. Esi sisonka esihla sivela ezulwini, ukuba umntu akudle, angafi. Ndim isonka esiphilileyo, esi sehlayo emazulwini. Ukuba ubani uthe wasidla esi sonka, wodla ubomi ngonaphakade; ke isonka endiya kusinika mna siyinyama yam, endiya kuyinikela ubomi behlabathi. Abambana ngoko amaYuda phakathi kwawo, esithi, Angathini na lo ukusinika inyama yakhe siyidle? Wathi ngoko uYesu kuwo, Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba anithanga niyidle inyama yoNyana woMntu, nilisele igazi lakhe, aninabo ubomi kuni. Lowo uyidlayo eyam inyama, alisele elam igazi, unobomi obungunaphakade; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela. Kuba inyama yam ikukudla, inyaniso; negazi lam liluselo, inyaniso. Lowo uyidlayo eyam inyama, alisele elam igazi, uhleli kum, nam ndihleli kuye. Njengokuba uBawo ophilileyo wandithumayo, ndibe nam ndihleli ngaye uBawo, lowo undidlayo, uya kuphila ngam. Siso eso isonka esehla emazulwini; kungenjengokuba ooyihlo bayidlayo imana, bafa noko. Lowo usidlayo esi sonka, uya kuphila ngonaphakade. Ezi zinto wazithetha endlwini yesikhungu, efundisa eKapernahum. Into eninzi ngoko kubafundi bakhe yakuva yathi, Lilizwi elinqabileyo eli; ngubani na onokuyiva? Esazi uYesu ngaphakathi kwakhe, ukuba bayakrokra lilo abafundi bakhe, wathi kubo, Kuyanikhubekisa na oku? Hi na ke, ukuba nithe nambona uNyana woMntu enyukela apho ebefudula ekhona? Ngumoya odlisa ubomi; inyama yona ayincedi lutho. Amazwi la ndiwathethayo kuni mna angumoya, abubomi. Kodwa kukho abathile kuni abangakholwayo. Kuba ebesazi kwasekuqalekeni uYesu, ukuba ngoobani na ababengakholwa, nokuba ngubani na oya kumngcatsha. Wayesithi, Kungenxa yoku ndatshoyo kuni ukuthi, Akukho namnye unako ukuza kum, ukuba akathanga akunikwe nguBawo. Ukususela ngelo xesha into eninzi yabafundi bakhe yabuya umva, ayaba sahamba naye. Wathi ngoko uYesu kwabalishumi elinababini, Nani nifuna ukumka, yini na? Wamphendula ngoko uSimon Petros wathi, Nkosi, sosuka siye kubani na? Nguwe onamazwi obomi obungunaphakade. Nathi sikholiwe, sazile, ukuba wena unguye uKristu, uNyana kaThixo ophilileyo. Wabaphendula uYesu wathi, Andininyulanga na mna, nina balishumi elinababini? Ukanti omnye kuni ungumtyholi? Wayethetha ngoYuda Sikariyoti kaSimon, kuba lowo ibinguye obeza kumngcatsha, engomnye weshumi elinababini.
UYOHANE 6:45-71 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kuba̔liwe ebaprofiteni ukuti: Boba bonke befundiswa NGUTIXO. Ngako osukuba evile KUBAWO, wafunda nokufunda, nyeza kum. Anditsho ukuba kuko ombonileyo UBAWO; lowo uvela KUTIXO, nguye lo ombonileyo UYISE kupela. Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Okolwayo kum, uba nobomi obungunapakade. Mna ndisiso isonka sobomi. Oyihlo benu batya imana entlango, bafa nokufa. Siso esi isonka esihlayo ezulwini, sokuba umntu atye kuso, angafi nokufa. Mna ndisiso isonka esipilileyo, eso sehlayo ezulwini: ukuba umntu uyatya kuso esisonka, wodla ubomi kude kube ngunapakade: nakanjalo isonka endiya kusinika mna, siyiyo inyama yam, endiya kuyinikela ubomi belizwe. Andula apikisana ama‐Juda pakati kwawo, esiti: Angati nina lo ukusinika inyama yake siyitye? Wati ngoko kuwo u‐Yesu: Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Ukuba inyama yonyana wesintu aniyityi, negazi lake aniliseli, aninabo ubomi kuni. Oti inyama yam ayidle, negazi lam alisele, uba nobomi obungunapakade; ndandiya kuti mna ndimvuse ngomhla wokupela. Ngokuba inyama yam ikukutya ngenyaniso, negazi lam likukusela ngenyaniso. Oti inyama yam ayidle, negazi lam alisele, uyahlala kum, nam ndiyahlala kuye. Njengokuba UBAWO opilileyo wanditumayo, nam ndipila ngetuba LIKABAWO; kwa njalo lowo udlayo mna, uya kupila naye ngetuba lam. Siso esi isonka esehlayo ezulwini: kungenjengokuba oyihlo benu batya imana, bafa nokufa: osidlayo esisonka, uya kupila kude kube ngunapakade. Ezizinto waziteta endlwini yentlanganiso, efundisa e‐Kapenayume. Ngako abaninzi kubo abadisipile bake, bakuva oku, bati: Esi isiteto silukuni; singaviwa ngubanina? Kodwa u‐Yesu esazi pakati kwake ukuba abadisipile bake bayaṙoṙa ngako oku, wati kubo: Oku kunixakanisa na? Pofu xeshekweni nibona unyana wesintu enyukela apo ebefudula ekona — ? Nguwo umoya owenza kudliwe ubomi; yona inyama ayincedi luto: lomazwi endiwatetayo kuni mna, ngawo angumoya nabubomi. Koko bako inxenye kuni abangakolwayo. Ngokuba ebesazi u‐Yesu kwa sekuqaleni, ukuba bangobanina abangakolwayo, nokuba ungubanina oya kumngcatsha. Waza wati: Ngenxa yoku nditshilo kuni ukuti: Akuko mntu ongezayo kum, xeshekweni kunganikwanga kuye NGUBAWO. Emveni kwoku abaninzi babadisipile bake baya ngomva, ababi sahamba naye. Wati ngoko u‐Yesu kubo abalishumi linababini: Nani niyafuna ukumka na? Wandula wati u‐Simone Petrosi ukumpendula: Nkosi! siya kuya kubanina? unawo amazwi obomi obungunapakade. Kanjalo tina sikoliwe sazi nokwazi ukuba wena unguye u‐Kristu, unyana KATIXO opilileyo. Wati u‐Yesu ukubapendula: Andaninyula na nina balishumi linababini? kanti kuni omnye ungoka‐Satane. Wayesitsho ngo‐Jude Sikariyoti unyana ka‐Simone: ngokuba ebenguye obeza kumngcatsha, engomnye kubo abalishumi linababini.