Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UJEREMIYA 31:31-34

UJEREMIYA 31:31-34 XHO96

Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: “Ewe, iyeza imihla yokuba ndenze umnqophiso omtsha nesizwe sakwaSirayeli nesakwaJuda. Lo wona umnqophiso awuyi kufana nalowa ndawenzayo nookhokho babo mhla ndabathi chu ngesandla ndibakhupha eJiputa, mnqophiso lowo bangawugcinanga naxa ndandiyinkosi yabo. ” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Nguwo lo umnqophiso endiza kuwenza nesizwe sikaSirayeli kwimihla ezayo,” lowo ngumlomo kaNdikhoyo: “Imiyalelo yam ndiya kuyimilisela ngaphakathi kwabo, ndiyishicilele ezintliziyweni zabo, mna ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam bona. Abayi kuba safundisana ngam elowo umntakwabo, elowo ummelwane wakhe, besithi: ‘Mazini uNdikhoyo;’ kuba bonke baya kundazi ukususela koyena mncinane kuse koyena mkhulu. Ndobuxolela ubugwenxa babo, ndingabuye ndikukhumbule ukona kwabo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.