UYEREMIYA 31:31-34
UYEREMIYA 31:31-34 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Yabona, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kwenza ngayo umnqophiso omtsha nendlu kaSirayeli; nakwindlu kaYuda; kungekhona ngenxa yomnqophiso endawenzela ooyise, ekubabambeni kwam ngesandla, ukuba ndibakhuphe ezweni laseYiputa; bawaphule umnqophiso wam, ndibe ndiyindoda kubo; utsho uYehova. Nguwo ke lo umnqophiso, endiya kuwenza nendlu kaSirayeli; Emveni kwaloo mihla, utsho uYehova, ndiya kuwubeka umyalelo wam embilinini yabo, ndiwubhale ezintliziyweni zabo; yena uya kuba nguThixo wabo, bona babe ngabantu bam. Abayi kuba safundisana elowo umzalwana wakhe, esithi, Mazini uYehova; ngokuba bonke bephela baya kundazi, kuthabathela komncinane kuse koyena mkhulu phakathi kwabo; ngokuba ndiya kubaxolela ubugwenxa babo ndingabi sasikhumbula isono sabo.
UYEREMIYA 31:31-34 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Yabona, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kwenza umnqophiso omtsha nendlu kaSirayeli nendlu kaYuda; ungabi njengomnqophiso endawenza noyise ngomhla endababambayo ngesandla, ukuba ndibakhuphe ezweni leYiputa; umnqophiso wam abasuka bawaphula bona, nangani bendiyindoda yabo; utsho uYehova. Nguwo ke lo umnqophiso, endiya kuwenza nendlu kaSirayeli emva kwaloo mihla, utsho uYehova: ndiya kuwubeka umyalelo wam embilinini yabo, ndiwubhale ezintliziyweni zabo, ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam; bangabi safundisa elowo ummelwane wakhe, elowo umzalwana wakhe, besithi, Mazini uYehova; ngokuba bonke bephela baya kundazi, kuthabathela kwabancinane kuse kwabakhulu, utsho uYehova; ngokuba ndiya kubuxolela ubugwenxa babo, ndingabi sasikhumbula isono sabo.
UYEREMIYA 31:31-34 IBHAYIBHILE (XHO96)
Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: “Ewe, iyeza imihla yokuba ndenze umnqophiso omtsha nesizwe sakwaSirayeli nesakwaJuda. Lo wona umnqophiso awuyi kufana nalowa ndawenzayo nookhokho babo mhla ndabathi chu ngesandla ndibakhupha eJiputa, mnqophiso lowo bangawugcinanga naxa ndandiyinkosi yabo. ” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Nguwo lo umnqophiso endiza kuwenza nesizwe sikaSirayeli kwimihla ezayo,” lowo ngumlomo kaNdikhoyo: “Imiyalelo yam ndiya kuyimilisela ngaphakathi kwabo, ndiyishicilele ezintliziyweni zabo, mna ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam bona. Abayi kuba safundisana ngam elowo umntakwabo, elowo ummelwane wakhe, besithi: ‘Mazini uNdikhoyo;’ kuba bonke baya kundazi ukususela koyena mncinane kuse koyena mkhulu. Ndobuxolela ubugwenxa babo, ndingabuye ndikukhumbule ukona kwabo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
UYEREMIYA 31:31-34 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Yabona, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kwenza ngayo umnqophiso omtsha nendlu kaSirayeli; nakwindlu kaYuda; kungekhona ngenxa yomnqophiso endawenzela ooyise, ekubabambeni kwam ngesandla, ukuba ndibakhuphe ezweni laseYiputa; bawaphule umnqophiso wam, ndibe ndiyindoda kubo; utsho uYehova. Nguwo ke lo umnqophiso, endiya kuwenza nendlu kaSirayeli; Emveni kwaloo mihla, utsho uYehova, ndiya kuwubeka umyalelo wam embilinini yabo, ndiwubhale ezintliziyweni zabo; yena uya kuba nguThixo wabo, bona babe ngabantu bam. Abayi kuba safundisana elowo umzalwana wakhe, esithi, Mazini uYehova; ngokuba bonke bephela baya kundazi, kuthabathela komncinane kuse koyena mkhulu phakathi kwabo; ngokuba ndiya kubaxolela ubugwenxa babo ndingabi sasikhumbula isono sabo.
UYEREMIYA 31:31-34 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Bona ke, imihla iyeza, utsho UYEHOVA, nxa ndiya kwenzela indlu ka‐Sirayeli, nendlu ka‐Juda, ucebano olutsha: kungenjengalo ucebano endalwenzayo noyise babo, emhleni ndabendibamba isandla sabo, ukuba ndibapumise elizweni le‐Jipete; abati ucebano lwam balwapula, nakuba benditshatile nabo, utsho UYEHOVA; koko lulo olu ucebano endiya kulwenza nendlu ka‐Sirayeli, emveni kwalomihla, utsho UYEHOVA: ndiya kubeka umteto wam embilini wabo, napezu kwentliziyo yabo ndowuba̔la; ndandiya kuba NGUTIXO wabo, bati bona babe ngabantu bam. Baye bengayi kubuya bafundise omnye ummelwane wake, nomnye umzalwana wake, besiti: Yazini UYEHOVA; ngokuba beya kundazi bonke, kwa kuye omncinane wabo kude kube kuye omkulu wabo, utsho UYEHOVA; ngokuba ndiya kuxolela ukukohlakala kwabo, nesono sabo andiyi kubuya ndisikumbule.